DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2015)

2015 Matshi 31, Lwesibini

Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

2015 Matshi 30, Mvulo

Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.

2015 Matshi 29, Cawe

Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”

2015 Matshi 28, Mgqibelo

Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

2015 Matshi 27, Lwesihlanu

Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,
wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

2015 Matshi 26, Lwesine

Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule.

2015 Matshi 25, Lwesithathu

Masisondele ke ngoko singenadyudyu apho ahleli khona esihlalweni sokulawula uThixo wethu onenceba; apho sakwenzelwa khona ububele nesisa, sincedakale ngoku kuselithuba.

2015 Matshi 24, Lwesibini

Oyena ndoqo wodaba lwakho yinyaniso;
xa zizonke izigqibo zakho soze zithini.

2015 Matshi 23, Mvulo

Umntu othi uyamthanda uThixo kodwa abe emthiyile uwabo, ulixoki. Kaloku ukuba akamthandi uwabo lo ambonayo, akanako ukumthanda uThixo angamboniyo.

2015 Matshi 22, Cawe

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

2015 Matshi 21, Mgqibelo

Ukwenza ubulungisa nokuthe ngqo
kwamkelekile kuNdikhoyo kunamadini.

2015 Matshi 20, Lwesihlanu

Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;
abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!

2015 Matshi 19, Lwesine

Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.

2015 Matshi 18, Lwesithathu

UNdikhoyo uThixo wakho unawe;
uligorha elisindisayo.
Yena unemihlali ngawe, enovuyo;
uya kukuthulisa ngothando lwakhe;
ugcoba ngawe eyiyizela.

2015 Matshi 17, Lwesibini

Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;
kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.

2015 Matshi 16, Mvulo

Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

2015 Matshi 15, Cawe

Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.

2015 Matshi 14, Mgqibelo

Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2015 Matshi 13, Lwesihlanu

Makabongwe uThixo, uyise weNkosi yethu uYesu Krestu, uBawo uSozinceba, uThixo umthombo wentuthuzelo. Yena uyasithuthuzela ezimbandezelweni zethu zonke, ukuze nathi sikwazi ukubathuthuzela abanye kwangaloo ntuthuzelo ivela kuye.

2015 Matshi 12, Lwesine

UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2015 Matshi 11, Lwesithathu

Ke wena ubathi jize ngenzolo
abo banjongo zingajika-jikiyo,
kuba behlala bekholose ngawe.

2015 Matshi 10, Lwesibini

Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”

2015 Matshi 9, Mvulo

Yizani siqubude simnqule,
siguqe phambi koNdikhoyo umdali wethu.

2015 Matshi 8, Cawe

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.

2015 Matshi 7, Mgqibelo

Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”

2015 Matshi 6, Lwesihlanu

Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
luya kubalasela uthando lwakho.
Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.

2015 Matshi 5, Lwesine

Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.

2015 Matshi 4, Lwesithathu

Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.

2015 Matshi 3, Lwesibini

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

2015 Matshi 2, Mvulo

Ke zon' izibele zikaNdikhoyo zivelela abamhloneleyo;
uhlala enobubele kwizizukulwana ngezizukulwana,
kwabanyanisekileyo kumnqophiso wakhe
nabathobela imithetho yakhe.

2015 Matshi 1, Cawe

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela