DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2015)

2015 Epreli 30, Lwesine

Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.

2015 Epreli 28, Lwesibini

Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.
UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

2015 Epreli 27, Mvulo

Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.

2015 Epreli 26, Cawe

Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.

2015 Epreli 25, Mgqibelo

Ndadanduluka kuye ndizibika;
ndandipheth' iindumiso nemibongo.

2015 Epreli 24, Lwesihlanu

Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”

2015 Epreli 23, Lwesine

Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.

2015 Epreli 22, Lwesithathu

Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho.

2015 Epreli 21, Lwesibini

Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.

2015 Epreli 20, Mvulo

Iintakana ezincinci azithengiswa zibe ntlanu na ngeesenti ezimbini? Kanti akukho nanye kuzo elityelweyo nguThixo. Kwaneenwele ezi zeentloko zenu zibaliwe zonke. Ke musani ukoyika: nixabisekile kuneentakana ezininzi nina.

2015 Epreli 19, Cawe

Ewe, ndiyazibika, Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;
ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.

2015 Epreli 18, Mgqibelo

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

2015 Epreli 17, Lwesihlanu

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

2015 Epreli 16, Lwesine

Zonke iindlela zomntu zibonakala zilungile kwawakhe amehlo,
kanti ke nguNdikhoyo oyibeka esikalini intliziyo yomntu.

2015 Epreli 15, Lwesithathu

Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”

2015 Epreli 14, Lwesibini

Kodwa ke, njengoko zitshoyo iziBhalo: “Nabani na othanda ukuqhayisa, makaqhayise ngento eyenziwe yiNkosi.” Kaloku umntu owamkelekileyo ngulowo unconywa yiNkosi, ingenguye ozincoma ngokwakhe.

2015 Epreli 13, Mvulo

Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,
ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

2015 Epreli 12, Cawe

Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.

2015 Epreli 11, Mgqibelo

Ngoko ke, mawethu athandekayo, yomelelani ningathandabuzi. Yisebenzeleni ngenkuthalo iNkosi ngalo lonke ixesha, kuba kakade ukubulaleka kwenu ngenxa yeNkosi akunakulambatha.

2015 Epreli 10, Lwesihlanu

Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;
abangazi nto libanika ukuqonda.

2015 Epreli 9, Lwesine

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

2015 Epreli 8, Lwesithathu

Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.

2015 Epreli 7, Lwesibini

Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

2015 Epreli 6, Mvulo

Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?

2015 Epreli 5, Cawe

Akakho apha, uvukile. Khumbulani awakuthetha kuni esekwelaseGalili, esithi: ‘UNyana woLuntu umelwe kukunikelwa ezandleni zaboni, abethelelwe emnqamlezweni, athi ngomhla wesithathu abuye avuke.’

2015 Epreli 4, Mgqibelo

Abantu basidelile basibukula,
saba ngumntu wenkxwaleko nentlungu.
Saba njengalowo ufulathelwayo, engasiwa so;
saba ngulowo udeliweyo, nathi asasikhathalela.

2015 Epreli 3, Lwesihlanu

Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

2015 Epreli 2, Lwesine

UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.

2015 Epreli 1, Lwesithathu

Kaloku umgwebi wethu nguNdikhoyo;
ewe, uNdikhoyo yena uyasilawula.
Ikumkani yethu nguNdikhoyo;
nguye oya kusisindisa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela