DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2015)

2015 Februwari 28, Mgqibelo

Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

2015 Februwari 27, Lwesihlanu

Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

2015 Februwari 26, Lwesine

Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.

2015 Februwari 25, Lwesithathu

Ndiswel' imilomo yokukubonga,
ndikudumise maxa onke.

2015 Februwari 24, Lwesibini

Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo.

2015 Februwari 23, Mvulo

Ewe, ngaloo mini niya kusuka nithi:
“Masidomboze sibulele uNdikhoyo;
ewe, masiqambe sinqule igama lakhe.
Imisebenzi yakhe masiyibhengeze ezizweni;
masishumayele sibuxele ubukhulu bakhe.”

2015 Februwari 22, Cawe

Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!

2015 Februwari 21, Mgqibelo

Liya kudlula izulu nehlabathi; ke wona amazwi am akasayi kuze adlule.

2015 Februwari 20, Lwesihlanu

Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,
eso asinyule sangabantu bakhe.

2015 Februwari 19, Lwesine

Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

2015 Februwari 18, Lwesithathu

Waphendula yena wathi: “IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”

2015 Februwari 17, Lwesibini

Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.

2015 Februwari 16, Mvulo

Ngoko ke zithobeni phantsi kwesandla sikaThixo esinamandla; yena ke uya kuniphakamisa ngexesha elifanelekileyo.

2015 Februwari 15, Cawe

Ubulungisa buyasiphakamisa isizwe;
ke sona isono lihlazo nakwesiphi na isizwe.

2015 Februwari 14, Mgqibelo

Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

2015 Februwari 13, Lwesihlanu

Yaye ndiqinisekile ngale ndawo yokuba lo msebenzi mhle awuqalileyo uThixo kuni, uya kude awuqabelise ngeMini kaKrestu uYesu.

2015 Februwari 12, Lwesine

Khawukhangele ukubukeka nomkhitha
wokuhlala kwezalamane ngemvano!

2015 Februwari 11, Lwesithathu

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

2015 Februwari 10, Lwesibini

Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu; yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.

2015 Februwari 9, Mvulo

Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.”

2015 Februwari 8, Cawe

Ikratshi liyamwisa umntu;
kambe ke othobekileyo uba nesidima.

2015 Februwari 7, Mgqibelo

Waza uYesu wathi: “Bayekeni abantwana beze kum, ningabanqandi, kuba ábalawulwa nguThixo ngabanjengabo.”

2015 Februwari 6, Lwesihlanu

Culelani uThixo, nibong' igama lakhe.
Ewe, mbongeni lowo ucand' emafini.
Igama lakhe nguNdikhoyo, vuyani ngenxa yakhe.
UThixo usendlwini yakhe engcwele.
Nguyise weenkedama, umthetheleli wabahlolokazi.

2015 Februwari 5, Lwesine

Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele.

2015 Februwari 4, Lwesithathu

Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

2015 Februwari 3, Lwesibini

Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.

2015 Februwari 2, Mvulo

Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.

2015 Februwari 1, Cawe

Ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela