DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2015)

2015 Janyuwari 31, Mgqibelo

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2015 Janyuwari 30, Lwesihlanu

Ndiyambongoza ukuba ngobubele bakhe uSosidima anomeleze imo yenu entsha ngoMoya wakhe, khon' ukuze ngokholo uKrestu ahlale ngaphakathi kuni. Nanga ningasekelwa eluthandweni nendele.

2015 Janyuwari 29, Lwesine

NguNdikhoyo ixhadi lakho lakubhek' umoya;
ewe, uya kukwalusa ungachukunyiswa nto.
Ngenene, uNdikhoyo uya kukwalusa,
xa uhambayo naxa ubuyayo,
kuqalela ngoku kude kube nini-nini.

2015 Janyuwari 28, Lwesithathu

Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.

2015 Janyuwari 27, Lwesibini

Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.

2015 Janyuwari 26, Mvulo

Sendingxamile, andisayi kulibazisa;
ndozithobela iziyalo zakho.

2015 Janyuwari 25, Cawe

Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.

2015 Janyuwari 24, Mgqibelo

Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

2015 Janyuwari 23, Lwesihlanu

Ekuqaleni uThixo wadala izulu nomhlaba. Kwakuselubala nje emhlabeni, kungekho nto ikhoyo. Inzonzobila yamanzi eyayigubungele konke yayithiwe gqume sisithokothoko sobumnyama. UMoya kaThixo wafukama phezu kwaloo manzi.

2015 Janyuwari 22, Lwesine

Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.

2015 Janyuwari 21, Lwesithathu

Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,
kuba ndibufumana kuyo ubomi.

2015 Janyuwari 20, Lwesibini

Kananjalo isibane asilunyekwa siqutyudelwe ngethunga; koko sixhonywa endaweni yaso, sikhanyisele bonke abasendlwini. Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.

2015 Janyuwari 19, Mvulo

Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

2015 Janyuwari 18, Cawe

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

2015 Janyuwari 17, Mgqibelo

Ewe, Ndikhoyo, bobakho bonke ubukhulu ndawonye namandla;
naso isidima sikwasesakho, ubungangamsha nobunewu-newu.
Kaloku zezakho zonke ezisezulwini,
kanti nezisemhlabeni ikwazezakho.
Ewe, Ndikhoyo, lolwakho ulawulo;
uyingqanga-ngqanga evelele konke jikelele.

2015 Janyuwari 16, Lwesihlanu

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.

2015 Janyuwari 15, Lwesine

Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
lona liyafana nemini yezolo,
lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

2015 Janyuwari 14, Lwesithathu

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

2015 Janyuwari 13, Lwesibini

Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,
andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.

2015 Janyuwari 12, Mvulo

Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.

2015 Janyuwari 11, Cawe

Zingekadalwa iintaba, ungekalenzi ilizwe nehlabathi,
ubusel' ukade unguThixo wena kwanini-nini.

2015 Janyuwari 10, Mgqibelo

Kuba iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

2015 Janyuwari 9, Lwesihlanu

Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,
nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
Imini ixelela imin' elandelayo,
nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo.

2015 Janyuwari 8, Lwesine

Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

2015 Janyuwari 7, Lwesithathu

Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.

2015 Janyuwari 6, Lwesibini

Ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.

2015 Janyuwari 5, Mvulo

Kaloku isiqhamo sokumelana nezilingo ngokholo lunyamezelo.

2015 Janyuwari 4, Cawe

Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,
kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.

2015 Janyuwari 3, Mgqibelo

Liya kuhlokoma ilizwi lesiphatha-zithunywa, sivakale nesandi sexilongo likaThixo, ize iNkosi ngokwayo ihle ezulwini. Bothi abo bafa bemanywe noKrestu bavuke kuqala, nathi ke baya kuba besaphila ngelo xesha sixhwilwe sidibane nabo emafini, size sihlangane neNkosi esibhakabhakeni. Ke siya kuhlala neNkosi njalo-njalo.

2015 Janyuwari 2, Lwesihlanu

Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.

2015 Janyuwari 1, Lwesine

Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,
aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyo
bosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela