DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2014)

2014 Disemba 31, Lwesithathu

Amandla am nguMhlekazi uNdikhoyo;
uzenza iinyawo zam zibe njengezenxala;
ngaye ndihamba kweziphezulu iindawo.

2014 Disemba 30, Lwesibini

Njengokuba ke sisazi ukuba uyaziphulaphula izicelo zethu, ngokunjalo ke siyazi ukuba izinto esizicelayo sesiziphiwe.

2014 Disemba 29, Mvulo

Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

2014 Disemba 28, Cawe

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

2014 Disemba 27, Mgqibelo

NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo.

2014 Disemba 26, Lwesihlanu

Abelusi ke babuyela emihlambini yabo, becula bedumisa uThixo ngenxa yazo zonke izinto ababezivile bazifumana zinjengoko zazixeliwe.

2014 Disemba 25, Lwesine

Kwaza kwathi belapho lafika ixesha lokubeleka kwakhe. Wamzala ke unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, kuba kwakungekho ndawo endlwini yabahambi.

2014 Disemba 24, Lwesithathu

Úya kuzala unyana, ùmthiye igama elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.

2014 Disemba 23, Lwesibini

Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.

2014 Disemba 22, Mvulo

Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.

2014 Disemba 21, Cawe

Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

2014 Disemba 20, Mgqibelo

Hayi, akakh' onjengawe;
hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!
Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!

2014 Disemba 19, Lwesihlanu

Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

2014 Disemba 18, Lwesine

Njengoko ukufa kweza ngomntu, ngokukwanjalo novuko lwabafileyo luza kwangomntu.

2014 Disemba 17, Lwesithathu

Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.

2014 Disemba 16, Lwesibini

Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

2014 Disemba 15, Mvulo

Ngoku ke, mawethu, ndithanda ukunikhumbuza ngeendaba ezimnandi zikaThixo endanishumayeza zona; ezo nazamkelayo, enimi nithe zinzi kuzo. Ludaba lukaThixo ke olo, enosindiswa ngalo ukuba nibambelele ngokuthe nkqi kulo ngale ndlela ndinishumayeza ngayo – ngele kokuba ke nafumana nakholwa lilize nje.

2014 Disemba 14, Cawe

Waphendula ke esithi:
“Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe,
ade angavakalelwa ngowakhe umntwana?
Noba ke yena angade amlibale,
okokwam ke mna soze ndikufulathele,
kuba igama lakho ndilivambile,
ndilithe tyaba esandleni sam;
iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.”

2014 Disemba 13, Mgqibelo

Kuba kaloku oko besisengama-athalala, uKrestu uthe ngexesha elimiswe nguThixo, wabafela abangamhloneliyo uThixo.

2014 Disemba 12, Lwesihlanu

Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.

2014 Disemba 11, Lwesine

Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.

2014 Disemba 10, Lwesithathu

Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo.

2014 Disemba 8, Mvulo

Kaloku uthando lukaKrestu lusongamele. Ngoko ke sigqiba kwelithi xa kwafa umntu omnye, efela abantu bonke, lonke uluntu lunenxaxheba koko kufa kwakhe. Wafela abantu bonke, ukuze abo basaphilayo bangabi saziphilela, kodwa baphilele yena wafayo wavuka ngenxa yabo.

2014 Disemba 7, Cawe

Ulwamvila lokufa sisono; amandla esono ngumthetho.

2014 Disemba 6, Mgqibelo

Kum uxabisekile ke kambe;
yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.

2014 Disemba 5, Lwesihlanu

Kaloku imo engabonwayo kaThixo – ndithetha amandla akhe angapheliyo kwanobuThixo bakhe – ibonakala kakuhle kwasekudalweni kwehlabathi. Kaloku iqondakala ngezinto azenzileyo uThixo. Ngenxa yoko abantu abanasiphephelo mpela.

2014 Disemba 4, Lwesine

Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.

2014 Disemba 3, Lwesithathu

Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.

2014 Disemba 2, Lwesibini

Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo.

2014 Disemba 1, Mvulo

Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Umhlobo unothando ngamaxesha onke;
ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela