2014 Novemba 30, Cawe
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.
2014 Novemba 29, Mgqibelo
Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.2014 Novemba 28, Lwesihlanu
Njengokuphakama kwezulu emhlabeniziphakamile neendlela zam kunezenu,
kanti ke zikwanjalo neengcinga zam.
2014 Novemba 27, Lwesine
Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?2014 Novemba 26, Lwesithathu
Ozuze mna ke ubufumene ubomi;uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo.
2014 Novemba 25, Lwesibini
Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.2014 Novemba 24, Mvulo
Ndiyakuthanda, Ndikhoyo, mandla am.NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.
Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.
Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.
2014 Novemba 23, Cawe
Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.2014 Novemba 22, Mgqibelo
Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.2014 Novemba 21, Lwesihlanu
Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.2014 Novemba 20, Lwesine
Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.2014 Novemba 19, Lwesithathu
Ewe, nokuba ndinganikisa ngempahla yam yonke, ndide nam ngokwam ndizinikele ukuba nditshiswe, kodwa ke ndingenalo uthando, akuncedi nto konke-konke.2014 Novemba 18, Lwesibini
Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo.
2014 Novemba 17, Mvulo
Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.2014 Novemba 16, Cawe
Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.2014 Novemba 15, Mgqibelo
Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,
abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.
2014 Novemba 14, Lwesihlanu
Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.2014 Novemba 13, Lwesine
Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.2014 Novemba 12, Lwesithathu
Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.2014 Novemba 11, Lwesibini
UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;lizele ihlabathi zizibele zakhe.
2014 Novemba 10, Mvulo
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.2014 Novemba 9, Cawe
Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.2014 Novemba 8, Mgqibelo
Khanifunde ukwenza okusesikweni;zonke izinto zenzeni ngokomthetho.
Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo;
kanti neenkedama zilungiseleleni;
ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.
2014 Novemba 7, Lwesihlanu
Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, nibanika iindaba zobomi.2014 Novemba 6, Lwesine
Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe.2014 Novemba 5, Lwesithathu
Khanizicoce nibe nyulu!Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;
yekani ukwenza izinto ezinje;
mandingaze ndiphinde ndizibone.
2014 Novemba 4, Lwesibini
KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.2014 Novemba 3, Mvulo
Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.2014 Novemba 2, Cawe
Ndikhoyo, wena unguThixo wam;ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.
2014 Novemba 1, Mgqibelo
Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Noba ungade ungadubuli umkhiwane,umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.Ivesi elandelayo!