DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2014)

2014 Okthoba 31, Lwesihlanu

Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:
“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,
mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,
ngonaphakade kanaphakade!”

2014 Okthoba 30, Lwesine

Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”

2014 Okthoba 29, Lwesithathu

Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.

2014 Okthoba 28, Lwesibini

Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.

2014 Okthoba 27, Mvulo

UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”

2014 Okthoba 26, Cawe

Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,
waza yena wasabela wandihlangula.

2014 Okthoba 25, Mgqibelo

Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.

2014 Okthoba 24, Lwesihlanu

Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.

2014 Okthoba 23, Lwesine

Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo umthetho kaMosis.

2014 Okthoba 22, Lwesithathu

Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.

2014 Okthoba 21, Lwesibini

Awu, Thixo Somandla, yiba nebuyambo;
velana nathi usisindise!

2014 Okthoba 20, Mvulo

Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.

2014 Okthoba 19, Cawe

Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;
ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.

2014 Okthoba 18, Mgqibelo

ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.

2014 Okthoba 17, Lwesihlanu

Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;
khawubathamsanqele ke abantu bakho!

2014 Okthoba 16, Lwesine

Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.

2014 Okthoba 15, Lwesithathu

UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”

2014 Okthoba 14, Lwesibini

Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.

2014 Okthoba 13, Mvulo

Kaloku xa simanywe naye ekufeni kwakhe, simanywe naye nasekuvukeni kwakhe ekufeni. Siyazi ke ukuba isimo sethu esidala sabethelelwa emnqamlezweni noKrestu, khon' ukuze igunya lesono liphuthiswe nasemizimbeni yethu, size singabi salawulwa sisono.

2014 Okthoba 12, Cawe

Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.

2014 Okthoba 11, Mgqibelo

Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?”

2014 Okthoba 10, Lwesihlanu

Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.

2014 Okthoba 9, Lwesine

Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

2014 Okthoba 8, Lwesithathu

Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.

2014 Okthoba 7, Lwesibini

Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.

2014 Okthoba 6, Mvulo

Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.

2014 Okthoba 5, Cawe

Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.

2014 Okthoba 4, Mgqibelo

Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.

2014 Okthoba 3, Lwesihlanu

Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,
uyayiva imithandazo yawo.

2014 Okthoba 2, Lwesine

Ewe, kholosani ngesisa seNkosi, nikhule nakuko ukwazana neNkosi noMsindisi wethu uYesu Krestu. Bobakhe ubungangamsha ngoku nangonaphakade! Amen.

2014 Okthoba 1, Lwesithathu

Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela