DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2014)

2014 Septemba 30, Lwesibini

Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

2014 Septemba 29, Mvulo

Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2014 Septemba 28, Cawe

UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;
bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.

2014 Septemba 27, Mgqibelo

Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.

2014 Septemba 26, Lwesihlanu

Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

2014 Septemba 25, Lwesine

Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

2014 Septemba 24, Lwesithathu

Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

2014 Septemba 23, Lwesibini

Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.

2014 Septemba 22, Mvulo

Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

2014 Septemba 21, Cawe

Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.

2014 Septemba 20, Mgqibelo

Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

2014 Septemba 19, Lwesihlanu

Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.

2014 Septemba 18, Lwesine

Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.

2014 Septemba 17, Lwesithathu

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

2014 Septemba 16, Lwesibini

Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,
aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

2014 Septemba 15, Mvulo

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

2014 Septemba 14, Cawe

Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.

2014 Septemba 13, Mgqibelo

Kuba indalo iphela ilangazelela ukuba uThixo ade abaveze oonyana bakhe.

2014 Septemba 12, Lwesihlanu

Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.

2014 Septemba 11, Lwesine

Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.

2014 Septemba 10, Lwesithathu

Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.

2014 Septemba 9, Lwesibini

Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

2014 Septemba 8, Mvulo

Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;
kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.

2014 Septemba 7, Cawe

UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

2014 Septemba 6, Mgqibelo

Ukuba ke uMoya kaThixo owamvusayo uYesu ekufeni ukho kuni, neyenu imizimba uThixo uya kuyinika ubomi ngoMoya wakhe okhoyo kuni.

2014 Septemba 5, Lwesihlanu

Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
ungasicekisi isiluleko sakhe.
Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.

2014 Septemba 4, Lwesine

UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.

2014 Septemba 3, Lwesithathu

Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;
ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.

2014 Septemba 2, Lwesibini

Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

2014 Septemba 1, Mvulo

Ngoko ke, nani zintlanga, anisengabo abasemzini neendwendwe. Niyimilowo nabantu bakaThixo; nilusapho lukaThixo. Nani ke nakhelwe phezu kwesiseko sabathunywa nabashumayeli, kodwa ke elona litye lesiseko nguYesu Krestu ngokwakhe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela