DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2014)

2014 Agasti 31, Cawe

Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.

2014 Agasti 30, Mgqibelo

Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

2014 Agasti 29, Lwesihlanu

Kodwa ke nina uKrestu unithambise ngoMoya oyiNgcwele. Ngalo lonke ixesha uMoya wakhe ehleli kuni anidingi kufundiswa mntu. Kaloku uMoya uyanifundisa yonke into, ibe ke imfundiso yakhe ayibobuxoki, yinyani. Ngoko ke yithobeleni imfundiso kaMoya, nize nihlale nimanyene noKrestu.

2014 Agasti 28, Lwesine

Umntu onomonde uba nengqiqo;
kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.

2014 Agasti 27, Lwesithathu

Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.

2014 Agasti 26, Lwesibini

Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

2014 Agasti 25, Mvulo

Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

2014 Agasti 24, Cawe

Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.

2014 Agasti 23, Mgqibelo

Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.

2014 Agasti 22, Lwesihlanu

Ukuba uNdikhoyo akayakhi indlu,
bafumana bebulaleka abayakhayo.
Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,
ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo.

2014 Agasti 21, Lwesine

UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.

2014 Agasti 20, Lwesithathu

Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.

2014 Agasti 19, Lwesibini

Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.

2014 Agasti 18, Mvulo

Ngaphezu koko ke, mawethu, musani ukufunga xa nisenza isithembiso; nditsho nangezulu, umhlaba, nangantoni na. Xa nivuma yithini: “Ewe,” nithi: “Hayi,” xa nisala, kube kuphela, ukuze ningabi sesichengeni sokugwetywa.

2014 Agasti 17, Cawe

Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!
Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

2014 Agasti 16, Mgqibelo

Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.

2014 Agasti 15, Lwesihlanu

Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

2014 Agasti 14, Lwesine

Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.

2014 Agasti 13, Lwesithathu

Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’

2014 Agasti 12, Lwesibini

Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

2014 Agasti 11, Mvulo

Bawo, njengoko ubanike mna nje, ndithanda ukuba babe lapho ndikhoyo, babubone ubungangamsha ondinike bona, kuba wandithanda lingekadalwa nokudalwa ihlabathi.

2014 Agasti 10, Cawe

Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!
Wena lungisa, uzundihlangule!

2014 Agasti 9, Mgqibelo

Ndibazisile ngawe, ndaye ndisaya kwenjenjalo, ukuze uthando ondithanda ngalo mna lumile kubo, nam ndihlale ndimanyene nabo.

2014 Agasti 8, Lwesihlanu

Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

2014 Agasti 7, Lwesine

Utsho uThixo ophakamileyo,
uThixo oyedwa ophila ngonaphakade:
“Ndihlala emajuku-jukwini angayiwayo,
kanti ndiyahlala nasebantwini –
kwabo bazinikelayo bathobekileyo –
ukuze ndibahlaziye abathobekileyo,
ndibakhuthaze abo bazinikelayo.”

2014 Agasti 6, Lwesithathu

Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

2014 Agasti 5, Lwesibini

Anazi na ukuba thina sonke sibhaptiziweyo samanywa noKrestu Yesu, sabhaptizelwa ekufeni kwakhe?

2014 Agasti 4, Mvulo

Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

2014 Agasti 3, Cawe

Ulogxoth' izono zithi qelele kuthi
njengempumalanga nentshonalanga.

2014 Agasti 2, Mgqibelo

Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.

2014 Agasti 1, Lwesihlanu

Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Yimani eziphambukeni nikhangele,
nibuzise ngomendo wamandulo,
niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona,
nihambe ngayo ke,
ukuze nifumane inzolo emphefumlweni.
Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’”

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela