DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2014)

2014 Julayi 31, Lwesine

Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

2014 Julayi 30, Lwesithathu

Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

2014 Julayi 29, Lwesibini

Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.

2014 Julayi 28, Mvulo

Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo,
ungazityesheli neziluleko zikanyoko.

2014 Julayi 27, Cawe

Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

2014 Julayi 26, Mgqibelo

Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;
ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.

2014 Julayi 25, Lwesihlanu

Othe wabuzuza ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; nothe walahlekelwa bubomi bakhe ngenxa yam, wobuzuza.

2014 Julayi 24, Lwesine

Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

2014 Julayi 23, Lwesithathu

Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?

2014 Julayi 22, Lwesibini

Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,
ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

2014 Julayi 21, Mvulo

Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.

2014 Julayi 20, Cawe

Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.

2014 Julayi 19, Mgqibelo

Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.

2014 Julayi 18, Lwesihlanu

Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

2014 Julayi 17, Lwesine

Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.

2014 Julayi 16, Lwesithathu

Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
ikwandisele iminyaka noxolo.

2014 Julayi 15, Lwesibini

Ngoko ke bazila ukutya bathandaza, bababeka izandla, baza babandulula.

2014 Julayi 14, Mvulo

Kaloku ndiyazi ukuba ngemithandazo yenu, nangoncedo loMoya kaYesu Krestu ndiya kusinda.

2014 Julayi 13, Cawe

Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.

2014 Julayi 12, Mgqibelo

Kambe ke, ukudla ubomi, kum kukuthobela uKrestu. Ukufa ke kona kuzisa lukhulu.

2014 Julayi 11, Lwesihlanu

Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.

2014 Julayi 10, Lwesine

Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.

2014 Julayi 9, Lwesithathu

Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla.

2014 Julayi 8, Lwesibini

Thetha ubamele abantu abangakwaziyo ukuzithethelela;
ncedisana nabo uwakhusele amalungelo eendwayinge.

2014 Julayi 7, Mvulo

Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

2014 Julayi 6, Cawe

Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.

2014 Julayi 5, Mgqibelo

Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!

2014 Julayi 4, Lwesihlanu

Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

2014 Julayi 3, Lwesine

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

2014 Julayi 2, Lwesithathu

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.

2014 Julayi 1, Lwesibini

Makadunyiswe uThixo uBawo wethu ngonaphakade kanaphakade! Amen.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela