DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Juni 2014)

2014 Juni 30, Mvulo

Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe.

2014 Juni 29, Cawe

Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”

2014 Juni 28, Mgqibelo

Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

2014 Juni 27, Lwesihlanu

Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.

2014 Juni 26, Lwesine

Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”

2014 Juni 25, Lwesithathu

Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

2014 Juni 24, Lwesibini

Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

2014 Juni 23, Mvulo

Yaz'ba ngubani na umphembi wale ntlekele?
Ngubani owasimiselayo esi sishiqi?
Mna Ndikhoyo, yaba ndim kwasekuqaleni;
ewe, yoba isendim nasekugqibeleni.

2014 Juni 22, Cawe

Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.

2014 Juni 21, Mgqibelo

UMoya enimamkeleyo akanenzi amakhoboka, wona aphakuzelayo. Kaloku namkele uMoya onenza oonyana abathi: “Tata!” kuThixo.

2014 Juni 20, Lwesihlanu

Obo buncinanana linabo ilungisa,
bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
awenzelelele wona amalungisa.

2014 Juni 19, Lwesine

Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla.

2014 Juni 18, Lwesithathu

Ngoku ke, kulowo unako ukwenza ngaphezu kokuba sicela nokuba siqiqa, ngamandla akhe asebenza ngaphakathi kuthi: Makubekho udumo kuThixo ebandleni, nakuKrestu Yesu, kuse kuzo zonke izizukulwana ngonaphakade kanaphakade. Amen.

2014 Juni 17, Lwesibini

Ndiza kwenza bubonwe ubungcwele begama lam elilodwa eniligqwalisileyo ezizweni. Izizwe ke ziya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo, itsho iNgangalala uNdikhoyo, xa zindibona ndingoyedwa ngento endinenzela yona.

2014 Juni 16, Mvulo

Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,
usazungula ukunibabala ngesisa.
Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;
hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!

2014 Juni 15, Cawe

Ngoko ke masikhathalelane, sivuselelane uthando, ngokunjalo nokwenza imisebenzi emihle. Kananjalo masikuxabise ukudibana namanye amakholwa, siphefumlelane, singabi njengâbo bawutyeshelayo lo mkhwa. Ewe, masikhuthazane ngakumbi nangakumbi, kuba nani niyabona ukuba imini leyo iyasondela.

2014 Juni 14, Mgqibelo

UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.

2014 Juni 13, Lwesihlanu

Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.

2014 Juni 12, Lwesine

Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;
ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’

2014 Juni 11, Lwesithathu

Kulungile ukuzuza ubulumko kunokufumana igolide;
kungcono ukukhetha ulwazi kunokwamkela isiliva.

2014 Juni 10, Lwesibini

Ngenene uThixo uyasithamsanqela;
ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.

2014 Juni 9, Mvulo

Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.

2014 Juni 8, Cawe

Kwabonakala amadangatye angathi ziilwimi, laza lalelo idangatye lahlala kumntu ngamnye kubo. Bazaliswa ke bonke nguMoya oyiNgcwele, baza bathetha ngalwimi zimbi, njengoko uMoya wabaphayo.

2014 Juni 7, Mgqibelo

Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!

2014 Juni 6, Lwesihlanu

Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.

2014 Juni 5, Lwesine

Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;
kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.

2014 Juni 4, Lwesithathu

Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.

2014 Juni 3, Lwesibini

Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;
ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.

2014 Juni 2, Mvulo

Kodwa ke ukuba sihleli ekukhanyeni njengaye uThixo, siba nobudlelane. Ke lona igazi likaYesu uNyana wakhe lisihlambulula kuso sonke isono.

2014 Juni 1, Cawe

Umntu onobugwenxa udala ingxabano;
umntu ohlebayo wahlukanisa izihlobo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela