DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Meyi 2014)

2014 Meyi 31, Mgqibelo

Wena Thixo woobawo, ndiyakudumisa,
ndikubulela kuba wena undizimasile.
Undithe jize ngobulumko namandla.
Nangoku wena undityhilele,
wawuphendula umthandazo wethu.
Ewe, usityhilele le nto ifunwa ngukumkani.

2014 Meyi 30, Lwesihlanu

Lowo uwubopha ngomkhala umlomo wakhe ukhusela ubomi bakhe;
kanti ke yena othetha gqitha uyazenzakalisa.

2014 Meyi 29, Lwesine

Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.

2014 Meyi 28, Lwesithathu

Anazi na ukuba abakhohlakeleyo abayi kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo? Musani ukulahlekiswa: abarheletyi, nabakhonza izithixo, nabakrexezayo, nabafebayo, nabangamadoda alalanayo, nabangamasela, nababawayo, nabangamanxila, nabathukayo, nabazizikrelemnqa, abanakubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo.

2014 Meyi 27, Lwesibini

Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.

2014 Meyi 26, Mvulo

Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

2014 Meyi 25, Cawe

Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.

2014 Meyi 24, Mgqibelo

Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.

2014 Meyi 23, Lwesihlanu

Hay' inyhweba yabantu abamsulwa;
nditsho abo baziphatha ngokwemiyalelo kaNdikhoyo.

2014 Meyi 22, Lwesine

Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.

2014 Meyi 21, Lwesithathu

Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”

2014 Meyi 20, Lwesibini

Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,
nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.

2014 Meyi 19, Mvulo

Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.

2014 Meyi 18, Cawe

Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho.

2014 Meyi 17, Mgqibelo

Ngoko ke, xa nithandazayo, ze ningenzi milembelele ingento, njengabangakholwayo, bona baba boviwa ngenxa yamazwi abo amaninzi.

2014 Meyi 16, Lwesihlanu

Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

2014 Meyi 15, Lwesine

Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele.

2014 Meyi 14, Lwesithathu

Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!

2014 Meyi 13, Lwesibini

Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;
ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.

2014 Meyi 12, Mvulo

Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

2014 Meyi 11, Cawe

Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.

2014 Meyi 10, Mgqibelo

Bambona ehamba phezu kwamanzi olwandle, baza bathi: “Ngumhlola lo!” Batsho bakhala, kuba bambona bonke, babethwa luvalo. Kwangoko ke wathetha nabo, wathi kubo: “Zolani; ndim; musani ukoyika.”

2014 Meyi 9, Lwesihlanu

Kambe maze ninyaniseke ngokupheleleyo ekuwuthobeleni umyalelo nomthetho eniwuwiselwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo, othi: ‘Mthande uNdikhoyo uThixo wakho; mthobele ezintweni zonke, uyigcine imiyalelo yakhe, unamathele kuye, umkhonze ngomxhelo wonke nangomoya wakho wonke.’

2014 Meyi 8, Lwesine

Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.

2014 Meyi 7, Lwesithathu

Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2014 Meyi 6, Lwesibini

Ke ukuba ulithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.

2014 Meyi 5, Mvulo

Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.

2014 Meyi 4, Cawe

Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé;
mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo.
Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni
umka engaphathanga nto ngesandla sakhe.

2014 Meyi 3, Mgqibelo

Kuba othe wathanda ukusindisa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, nangenxa yeendaba ezimnandi ezi, wobusindisa.

2014 Meyi 2, Lwesihlanu

Bambani ngazibini, kuba ulungile uNdikhoyo.
Kaloku izibele zakhe ziya kuhlala zikho ngonaphakade.

2014 Meyi 1, Lwesine

Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,
nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela