DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2014)

2014 Epreli 30, Lwesithathu

Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge.

2014 Epreli 29, Lwesibini

Waphendula uYesu, wathi kubo: “Umsebenzi uThixo afuna niwenze ngulo wokuba nizinikele nikholwe kulowo uThixo amthumileyo.”

2014 Epreli 28, Mvulo

Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.

2014 Epreli 27, Cawe

Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.

2014 Epreli 26, Mgqibelo

Kaloku sanikwa lo myalelo wokuba sithandane kwasekuqaleni.

2014 Epreli 25, Lwesihlanu

Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

2014 Epreli 24, Lwesine

Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.

2014 Epreli 23, Lwesithathu

Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

2014 Epreli 22, Lwesibini

Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;
ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.

2014 Epreli 21, Mvulo

Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?

2014 Epreli 20, Cawe

Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.”

2014 Epreli 19, Mgqibelo

Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,
ndalucela uncedo kuThixo wam.
Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam.

2014 Epreli 18, Lwesihlanu

Ngasentla kwentloko yakhe abeka ityala lakhe, kubhalwe kwathiwa: “Lo nguYesu uKumkani wamaJuda.”

2014 Epreli 17, Lwesine

Musani ukuzikhohlisa ngokuliphulaphula nje qha ilizwi likaThixo. Endaweni yaloo nto nina yenzani oko likuthethayo.

2014 Epreli 16, Lwesithathu

Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.

2014 Epreli 15, Lwesibini

Intetho ekrwada mayingaphumi emilonyeni yenu. Ukuthetha kwenu makuthambe, kube kokwakhayo, ukuze kube luncedo nentsikelelo kwabaphulaphuleyo.

2014 Epreli 14, Mvulo

Ondele kubo, uYesu wathi: “Kubantu oku akunakwenzeka, kodwa kuThixo akunakungenzeki, kuba zonke izinto zinokwenzeka kuThixo.”

2014 Epreli 13, Cawe

Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.

2014 Epreli 12, Mgqibelo

Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho.

2014 Epreli 11, Lwesihlanu

Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.

2014 Epreli 10, Lwesine

Wonke umntu makathobele abasemagunyeni, kuba akukho gunya lingaveli kuThixo. Amagunya akhoyo amiselwe nguThixo.

2014 Epreli 9, Lwesithathu

Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele.

2014 Epreli 8, Lwesibini

Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.

2014 Epreli 7, Mvulo

Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.

2014 Epreli 6, Cawe

Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.

2014 Epreli 5, Mgqibelo

Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.

2014 Epreli 4, Lwesihlanu

Uthando malungabi naluhanahaniso. Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.

2014 Epreli 3, Lwesine

Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.

2014 Epreli 2, Lwesithathu

Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.

2014 Epreli 1, Lwesibini

Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela