DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2013)

2013 Septemba 30, Mvulo

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

2013 Septemba 29, Cawe

Ukuba uyazithoba, umhlonela uNdikhoyo,
uya kuxhamla ubutyebi, isidima, nobomi.

2013 Septemba 28, Mgqibelo

Ndiswel' imilomo yokukubonga,
ndikudumise maxa onke.

2013 Septemba 27, Lwesihlanu

Isela lizele kuphela ukuba libe, lixhele, litshabalalise. Mna ndizele ukuba abantu babe nobomi, obona bupheleleyo.

2013 Septemba 26, Lwesine

Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

2013 Septemba 25, Lwesithathu

Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.

2013 Septemba 24, Lwesibini

Onomonde ulungile kunegorha;
olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.

2013 Septemba 23, Mvulo

Umntu othi uyamthanda uThixo kodwa abe emthiyile uwabo, ulixoki. Kaloku ukuba akamthandi uwabo lo ambonayo, akanako ukumthanda uThixo angamboniyo.

2013 Septemba 22, Cawe

Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’

2013 Septemba 21, Mgqibelo

Xa ungazifumani izinto ozifunayo, ukhetha ukubulala; okanye xa ungafezeki umnqweno wakho, uyaxabana ulwe. Kanti ke, ungazifumani nje izinto ozifunayo, kungenxa yokuba awuziceli kuThixo.

2013 Septemba 20, Lwesihlanu

Ikho indawo kowethu. Ukuba bekungenjalo ngendingàtsho ukuthi ndiya kunilungiselela indawo.

2013 Septemba 19, Lwesine

Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!

2013 Septemba 18, Lwesithathu

Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,
kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.

2013 Septemba 17, Lwesibini

Lowo uzinikelayo kuNyana kaThixo akagwetywa; kodwa lowo ungazinikeliyo selegwetyiwe, kuba engakholwa kuNyana kaThixo okuphela kwakhe.

2013 Septemba 16, Mvulo

Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.

2013 Septemba 15, Cawe

Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.

2013 Septemba 14, Mgqibelo

Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo.

2013 Septemba 13, Lwesihlanu

Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

2013 Septemba 12, Lwesine

Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.

2013 Septemba 11, Lwesithathu

Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.

2013 Septemba 10, Lwesibini

Nina niya kunikwa amandla, akufika kuni uMoya oyiNgcwele, nindingqinele ebantwini baseJerusalem, nabakulo lonke elakwaJuda, nabaseSamariya, kude kuse naseziphelweni zomhlaba.

2013 Septemba 9, Mvulo

Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,
sipheth' iindaba ezimnandi,
sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!
Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”
Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:
“UThixo wakho uyalawula.”

2013 Septemba 8, Cawe

Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;
ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.

2013 Septemba 7, Mgqibelo

Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.

2013 Septemba 6, Lwesihlanu

Noba sewucand' emanzini,
mna ndiya kuba nawe;
noba sowuwela imilambo,
ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;
nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;
amadangatye akanakukutshisa wena.

2013 Septemba 5, Lwesine

Nanjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Lowo unga angabudla ubomi abe nenkqubela
makazilumle ekuthetheni kakubi,
ayeke ukuthetha ubuxoki.
Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.”

2013 Septemba 4, Lwesithathu

Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,
wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam.

2013 Septemba 3, Lwesibini

Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;
ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

2013 Septemba 2, Mvulo

Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

2013 Septemba 1, Cawe

Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;
ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela