DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2021)

2021 Februwari 28, Cawe

Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.

2021 Februwari 27, Mgqibelo

Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

2021 Februwari 26, Lwesihlanu

Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe.

2021 Februwari 25, Lwesine

Makungabikho mntu uthi ulukuhlwe nguThixo xa ahendwayo. UThixo akoyiswa bububi kaloku; yaye akalingi mntu yena.

2021 Februwari 24, Lwesithathu

Ndikhoyo, ndizifihla kuwe, mandingadani konke!
Wena lungisa, uzundihlangule!

2021 Februwari 23, Lwesibini

Singumsebenzi wezandla zikaThixo ke thina. Kaloku simanywe noYesu Krestu nje, uThixo wasidalela ukuba sizinikele ekwenzeni imisebenzi emihle awasimisela yona kwangaphambili.

2021 Februwari 22, Mvulo

Ngokholo nkqu noSara owayengazali, naxa wayeselegugile nje, wafumana amandla, wakhawula, kuba wathemba ukuba uThixo lo uthembisileyo wosigcina isithembiso sakhe.

2021 Februwari 21, Cawe

Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.

2021 Februwari 20, Mgqibelo

Owesibini ke ngulo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ Akukho myalelo wumbi ubalulekileyo kunalé mibini.

2021 Februwari 19, Lwesihlanu

Ngokukwanjalo noMoya uyasixhasa ekusweleni kwethu amandla, kuba kaloku asiyazi eyona ndlela singathandaza ngayo. Kodwa ke kweso singqala sethu sikhohliwe uMoya ngokwakhe uyasithethelela.

2021 Februwari 18, Lwesine

Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;
ndive, ndakuzibika kuwe.
Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,
kuba ndiselugcinweni lwakho,
nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.

2021 Februwari 17, Lwesithathu

Inye kuphela ke into endiyifunayo: kukwazana noKrestu, ndize nam ndiweve ukusebenza kwawo amandla okuvuka kwakhe, ndibe nenxaxheba kwiimbandezelo zakhe, ndimanywe naye ekufeni kwakhe.

2021 Februwari 16, Lwesibini

Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

2021 Februwari 15, Mvulo

Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,
ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.

2021 Februwari 14, Cawe

Ndiniwisela umthetho omtsha, ndithi: Thandanani! Njengoko ndinithandileyo mna, nani thandanani kanye ngolo hlobo.

2021 Februwari 13, Mgqibelo

Kaloku ezo zinto zinxamnye nezifunwa nguMoya, ukanti nezifunwa nguMoya zinxamnye nezinqwenelwa sisimo esidala. Zizombini zichasene ngohlobo lokuba ningabi nako ukuzenza izinto enisukuba nifuna ukuzenza.

2021 Februwari 12, Lwesihlanu

Neengonyama ziyaswela zilambe,
kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

2021 Februwari 11, Lwesine

Ábenjenjalo ke àbanako ukumkholisa uThixo konke-konke.

2021 Februwari 10, Lwesithathu

Nalowo uthe akawuthwala umnqamlezo wakhe andilandele, akandifanelanga.

2021 Februwari 9, Lwesibini

Abangenabani ubenzela izihlobo.
Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;
ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

2021 Februwari 8, Mvulo

Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

2021 Februwari 7, Cawe

Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.

2021 Februwari 6, Mgqibelo

Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

2021 Februwari 5, Lwesihlanu

Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?

2021 Februwari 4, Lwesine

Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.

2021 Februwari 3, Lwesithathu

Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.

2021 Februwari 2, Lwesibini

Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.

2021 Februwari 1, Mvulo

Kungoko ndithi kuni, musani ukubuxhalela ubomi benu nisithi notya ntoni, nisele ntoni. Kwanomzimba wenu ze ningawuxhaleli, nisithi niya kunxiba ntoni. Ubomi abungaphezulu na kokutyiwayo; wona umzimba awungaphezulu na kokunxitywayo?

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela