DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2021)

2021 Janyuwari 31, Cawe

Umntu onjalo ulibala imini yonke kukucinga ngezinto azifunayo;
kanti ke yena umntu olungileyo unezinwe uyapha.

2021 Janyuwari 30, Mgqibelo

Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

2021 Janyuwari 29, Lwesihlanu

Lo Yesu ngulowo zithi iziBhalo xa zithetha ngaye:
“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi
laba lelona litye lesiseko.’”

2021 Janyuwari 28, Lwesine

Thembela kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;
uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

2021 Janyuwari 27, Lwesithathu

Njengoko noKrestu wamelanayo nale ntlupheko yalo mhlaba, ngokunjalo ke nani zimiseleni, nifuze yena. Kaloku umntu ocikidiweyo yintlupheko uyalumleka esonweni.

2021 Janyuwari 26, Lwesibini

Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo. Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.

2021 Janyuwari 25, Mvulo

Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,
kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.

2021 Janyuwari 24, Cawe

Ewe, uThixo unyule izinto ezibonakala zidelekile ebantwini, ngathi azinto yanto, azikho nokubakho, ezinyulela ukuze aphuthise ngazo izinto ezibonakala ngathi zibalulekile ebantwini. Xa kunjalo ke akukho namnye unokuqhayisa.

2021 Janyuwari 23, Mgqibelo

Nalu ke udaba endaluva ngoNyana kaThixo, nendinixelela lona: UThixo ukukukhanya; abukho konke kuye ubumnyama.

2021 Janyuwari 22, Lwesihlanu

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

2021 Janyuwari 21, Lwesine

Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

2021 Janyuwari 20, Lwesithathu

Akukho mntu unokuloyisa ihlabathi ngaphandle kwalowo ukholwayo ukuba uYesu nguNyana kaThixo.

2021 Janyuwari 19, Lwesibini

Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

2021 Janyuwari 18, Mvulo

Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,
umomelezi wâbo bangenamandla.

2021 Janyuwari 17, Cawe

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.

2021 Janyuwari 16, Mgqibelo

Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

2021 Janyuwari 15, Lwesihlanu

Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
khon' ukuze niphile,
naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
njengoko nizingca ngaloo nto.

2021 Janyuwari 14, Lwesine

Ukuba ke sidla ubomi ngoMoya kaThixo, masilawulwe nguye ke.

2021 Janyuwari 13, Lwesithathu

Ulogxoth' izono zithi qelele kuthi
njengempumalanga nentshonalanga.

2021 Janyuwari 12, Lwesibini

Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.

2021 Janyuwari 11, Mvulo

Wathi uPetros kubo: “Guqukani ezonweni zenu nonke ngabanye, nibhaptizwe egameni likaYesu Krestu, ukuze nixolelwe izono zenu, nize namkele isipho soMoya oyiNgcwele.”

2021 Janyuwari 10, Cawe

Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;
ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.

2021 Janyuwari 9, Mgqibelo

Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.

2021 Janyuwari 8, Lwesihlanu

Mna ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uNdikhoyo uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyithobele uyenze imiyalelo nemimiselo nezithethe zakhe. Wakwenjenjalo uya kuphila wande, uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kwelo lizwe ungenela ukuya kuma kulo.

2021 Janyuwari 7, Lwesine

Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

2021 Janyuwari 6, Lwesithathu

Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.

2021 Janyuwari 5, Lwesibini

Asingabo bonke abathi kum: ‘Nkosi, Nkosi,’ abaya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo; kuphela ngabayenzayo intando kaBawo osezulwini.

2021 Janyuwari 4, Mvulo

Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
kaloku uyimvuze-mvuze bububele.

2021 Janyuwari 3, Cawe

Ndigqiba kwelithi ezi ntlungu zangoku azinakufaniswa nobuncwane esiza kubuxhamla.

2021 Janyuwari 2, Mgqibelo

Kodwa ke, emva kwezo mbandezelo zomzuzwana, uThixo umthombo wesisa owanibizayo ngokumanywa kwenu noKrestu, khon' ukuze nibe nenxaxheba kubuqaqawuli bakhe obungapheliyo, uya kunihlaziya anomeleze, anixhobise, nime ngxishi.

2021 Janyuwari 1, Lwesihlanu

Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela