DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2020)

2020 Disemba 31, Lwesine

Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.

2020 Disemba 30, Lwesithathu

Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

2020 Disemba 29, Lwesibini

Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

2020 Disemba 28, Mvulo

Xa ke sithi sinobudlelane noThixo, kodwa sibe sihleli ebumnyameni, sithetha ubuxoki, nezenzo zethu azingqinelani nenyaniso.

2020 Disemba 27, Cawe

Kuba kaloku noNyana woLuntu akezanga kukhonzwa, weza kukhonza, nokuncama ubomi bakhe, bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.

2020 Disemba 26, Mgqibelo

Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Ndikhoyo;
ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.

2020 Disemba 25, Lwesihlanu

Namhlanje, edolophini kaDavide, nizalelwe uMsindisi onguKrestu iNkosi.

2020 Disemba 24, Lwesine

Úya kuzala unyana, ùmthiye igama elinguYesu, kuba nguye oya kubasindisa abantu bakhe ezonweni zabo.

2020 Disemba 23, Lwesithathu

Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.

2020 Disemba 22, Lwesibini

Ndihamba ngokomlomo wakho,
khon' ukuze ndingoni.

2020 Disemba 21, Mvulo

Guqukani ke ngoko, nibuyele kuThixo, ukuze zicinywe izono zenu.

2020 Disemba 20, Cawe

Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.

2020 Disemba 19, Mgqibelo

Wanga angabaph' amandl' abantu bakhe;
wanga angabathamsanqela abaph' inzolo.

2020 Disemba 18, Lwesihlanu

Lunjalo ke ukholo olungaqhubeli mntu kwenzeni nto; luyinto nje efileyo.

2020 Disemba 17, Lwesine

Othe kule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle;’ abe ke esitsho engathandabuzi entliziyweni yakhe, kodwa ekholwa ukuba oko akuthethayo kuya kwenzeka, wokwenzelwa.

2020 Disemba 16, Lwesithathu

Umzimba nentliziyo zingade ziphelelwe,
wona amandla am nguThixo, ulibango lam naphakade.

2020 Disemba 15, Lwesibini

UNdikhoyo uthi:
“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.
Kanti ndilindele abangandifuni nganto.
Ndandisithi bokhala kum;
kwathi kanti bona abakhw' apho.
Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’
Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.”

2020 Disemba 14, Mvulo

Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.

2020 Disemba 13, Cawe

Yonke into inexesha layo;
umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.

2020 Disemba 12, Mgqibelo

UBawo uSobomi wandithuma, ndaza ndangonobomi ngaye. Ngokukwanjalo othe wawutya umzimba wam uya kuba nobomi ngam.

2020 Disemba 11, Lwesihlanu

Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.

2020 Disemba 10, Lwesine

Ndazibika kuNdikhoyo ndikuloo ngxingongo,
ndalucela uncedo kuThixo wam.
Wandiva engqendeve ebhotwe lakhe,
savakala kuye isikhalo sam.

2020 Disemba 9, Lwesithathu

Kaloku abo bakhokelwa nguMoya kaThixo, bangoonyana bakaThixo.

2020 Disemba 8, Lwesibini

Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.

2020 Disemba 7, Mvulo

Amehlo am ndiwajongis' enkalweni;
yaz'ba lovela ngaphi na uncedo lwam?
Umncedi wam nguNdikhoyo,
yena ungumenzi wamazulu nehlabathi.

2020 Disemba 6, Cawe

Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.

2020 Disemba 5, Mgqibelo

ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.

2020 Disemba 4, Lwesihlanu

Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise;
kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe.
Nale ke into ngamampunge.

2020 Disemba 3, Lwesine

Makungabikho namnye uzikhohlisayo. Ukuba ubani kuni uba usisilumko kweli hlabathi, makabe “sisidenge” ukuze abe sisilumko ngenene.

2020 Disemba 2, Lwesithathu

Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena.

2020 Disemba 1, Lwesibini

Ububele bakho mandibuve kwakusasa;
kaloku mna ndikholosa ngawe.
Ndifundise indlela endifaneleyo;
kaloku mna ndizibika kuwe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;
ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela