2020 Novemba 30, Mvulo
Ningazibandakanyi nezinto zobumnyama eziphuthileyo ezenziwa ngabantu. Ndaweni yaloo nto zibhenceni ekukhanyeni ezo zinto, zibonakale icace into eziyiyo. Kungaziintloni nokuwathetha amanyundululu abawenza ngasese.2020 Novemba 29, Cawe
Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.2020 Novemba 28, Mgqibelo
InguNdikhoyo nje ondalusayo,ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.
2020 Novemba 27, Lwesihlanu
Eyahlwayelwa endaweni enokhula izekelisa lowo uzivayo iindaba ezi, aze ke amaxhala eli phakade, nokulukuhla kobutyebi, kuziminxe iindaba, kungabikho siqhamo.2020 Novemba 26, Lwesine
Ke mna ndonikela kuwe ngedini,ndihlabele iculo lokukudumisa.
Ndosifezekisa isibhambathiso sam.
Usindiso lukuNdikhoyo.
2020 Novemba 25, Lwesithathu
Isiyatha asiwulawuli umsindo;kambe ke sona isilumko siyaphola sizibambe.
2020 Novemba 24, Lwesibini
Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.2020 Novemba 23, Mvulo
Yaye uThixo wam wonibonelela kuzo zonke iintswelo zenu ngendyikityha yendyebo yakhe ekuKrestu Yesu.2020 Novemba 22, Cawe
Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,luya kubalasela uthando lwakho.
Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.
2020 Novemba 21, Mgqibelo
Makubulelwe ke kuThixo osinika uloyiso ngayo iNkosi yethu uYesu Krestu!2020 Novemba 20, Lwesihlanu
Kuyinene kona ukuba sihleli apha ehlabathini; kodwa ke asilwi ngokwehlabathi.2020 Novemba 19, Lwesine
Hay' uyolo lwabo baluxolelweyo ukreqo lwabo nguThixo,abo bazono zabo zingcwatyiweyo.
2020 Novemba 18, Lwesithathu
Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.”2020 Novemba 17, Lwesibini
Ewe, uNdikhoyo uthi:“Yizani, khe sithetha-thethane.
Noba sewudyobheke wankone sisono,
mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa;
kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku,
mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.”
2020 Novemba 16, Mvulo
Aa! Bayethe, Mhlekazi!Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.
2020 Novemba 15, Cawe
Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.2020 Novemba 14, Mgqibelo
Síthini na ke ngoko? Sóne na, kuba singekho phantsi kwawo umthetho, siphantsi kobabalo? Nakanye!2020 Novemba 13, Lwesihlanu
Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.
2020 Novemba 12, Lwesine
Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.2020 Novemba 11, Lwesithathu
Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.2020 Novemba 10, Lwesibini
Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.
2020 Novemba 9, Mvulo
Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.2020 Novemba 8, Cawe
Ziphatheni njengabantu abakhululekileyo. Kambe ke inkululeko leyo mayingabi lokhusi lokungcola; koko ziphatheni njengezicaka zikaThixo.2020 Novemba 7, Mgqibelo
Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko.
2020 Novemba 6, Lwesihlanu
Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”2020 Novemba 5, Lwesine
Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!2020 Novemba 4, Lwesithathu
Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.
2020 Novemba 3, Lwesibini
Kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.2020 Novemba 2, Mvulo
UThixo ke esimisele isiCaka sakhe wasithumela kuni kuqala, ukuze anenzele inceba niguquke kwinkohlakalo yenu.2020 Novemba 1, Cawe
Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...