DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Okthoba 2020)

2020 Okthoba 31, Mgqibelo

Sonke ngabanye siyayenza impazamo amaxesha ngamaxesha. Ke yena umntu ongaphazamiyo ekuthetheni ugqibelele, uyakwazi ukuzilawula ngokupheleleyo.

2020 Okthoba 30, Lwesihlanu

Ngoko ke yitshitshiseni iphele kuni imikhwa yeli hlabathi: ukurheletya, ukungcola, ukutshiseka, iinkanuko, nokunyoluka okukwalunqulo-zithixo.

2020 Okthoba 29, Lwesine

NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;
nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.

2020 Okthoba 28, Lwesithathu

Ke yena wathi: “Kuthiwa: ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangamandla akho ephela, nangengqondo yakho iphela; umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ ”

2020 Okthoba 27, Lwesibini

Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi.

2020 Okthoba 26, Mvulo

Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.

2020 Okthoba 25, Cawe

Hlalani nithe qwa, nilumke! Kaloku ummangaleli wenu umtyholi ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo.

2020 Okthoba 24, Mgqibelo

Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu?

2020 Okthoba 23, Lwesihlanu

Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa
nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

2020 Okthoba 22, Lwesine

Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.

2020 Okthoba 21, Lwesithathu

Ke ukuba ulithobele ilizwi likaNdikhoyo uThixo wakho, wayenza ngononophelo imiyalelo endikunika yona namhlanje, uNdikhoyo uya kukuphakamisa kunazo zonke izizwe zehlabathi.

2020 Okthoba 20, Lwesibini

Linjengemini enye iwaka leminyaka kuwe,
lona liyafana nemini yezolo,
lifutshane okwexesha labalindi ebusuku.

2020 Okthoba 19, Mvulo

Ke ngoko, xa sukuba usipha ihlwempu, uze ungemi phezu kwendlu umemeze, njengokuba besenjenjalo abahanahanisi ezindlwini zesikhungo nasezitalatweni, ukuze banconywe ngabantu. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.

2020 Okthoba 18, Cawe

UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye.

2020 Okthoba 17, Mgqibelo

Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,
ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.

2020 Okthoba 16, Lwesihlanu

Anditsho ukuba ubasuse ehlabathini, koko ndicela ukuba ubakhusele kongendawo.

2020 Okthoba 15, Lwesine

Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.

2020 Okthoba 14, Lwesithathu

Ewe, Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli.

2020 Okthoba 13, Lwesibini

Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.

2020 Okthoba 12, Mvulo

Ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.

2020 Okthoba 11, Cawe

Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:
kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.

2020 Okthoba 10, Mgqibelo

Musani ukubuxhalela ubomi benu, nisithi notya ntoni na; ningawuxhaleli nomzimba wenu, nisithi nonxiba ntoni na. Ubomi bungaphezulu kunokutya, nomzimba ungaphezulu kunesinxibo.

2020 Okthoba 9, Lwesihlanu

Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

2020 Okthoba 8, Lwesine

Intiyo iphembelela ingxabano;
ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

2020 Okthoba 7, Lwesithathu

Mna ndinguNdikhoyo, uThixo wakho;
ndokugcina ndikomeleze,
ndithi kuwe: ‘Sukuphaphazela, ndiza kukunceda.’

2020 Okthoba 6, Lwesibini

Ukuba uwenu uthe wakona, mkhalimele; ke ukuba uthe wazohlwaya, mxolele. Nokuba uthe wakona kasixhenxe ngemini, waza wabuyela kuwe kasixhenxe ngemini, esithi: ‘Ndiv' intw' embi, ndixolele;’ wena uze umxolele.

2020 Okthoba 5, Mvulo

Yibongeni iNkosi!
Mihla le iyasazelelela, uThixo ngumsindisi wethu.

2020 Okthoba 4, Cawe

Omnye okunene uthi umhla othile ubalulekile kunomnye umhla, wumbi ke uthi imihla iyafana. Elowo ke makaqiniseke kweyakhe ingqiqo.

2020 Okthoba 3, Mgqibelo

Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.

2020 Okthoba 2, Lwesihlanu

Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;
phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.

2020 Okthoba 1, Lwesine

Kanti ke, kwezi zinto zonke sisuka soyise sitshatshele ngalowo wasithandayo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela