DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2020)

2020 Septemba 30, Lwesithathu

Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

2020 Septemba 29, Lwesibini

Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?
Ngokuthobela ilizwi lakho.

2020 Septemba 28, Mvulo

Zama kangangoko unako ukuba ukholeke kuThixo, ube ngumntu ongenadyudyu ngomsebenzi wakhe, uyifundisa ngokufanelekileyo inyaniso.

2020 Septemba 27, Cawe

Wanga angakuthi jize ngamathamsanqa uNdikhoyo,
akulondoloze.
Wanga angayindlezane kuwe uNdikhoyo,
usixhamle isisa sakhe.
Wanga angakwazelelela uNdikhoyo,
akwambathise uxolo.

2020 Septemba 26, Mgqibelo

Bukwanjalo ukuyola kobulumko:
ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,
nethemba lakho linganqanyulwa.

2020 Septemba 25, Lwesihlanu

Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

2020 Septemba 24, Lwesine

Wasihlangula egunyeni lobumnyama, waza wasifudusela ekulawulweni nguNyana wakhe oyintanda, lo sifumene kuye inkululeko nokuxolelwa kwezono.

2020 Septemba 23, Lwesithathu

Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,
njengoko kaloku sithembele kuwe.

2020 Septemba 22, Lwesibini

Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.

2020 Septemba 21, Mvulo

Waza uYesu wathi: “Oko aba umntu akunakwenzeka, kunokwenziwa nguThixo.”

2020 Septemba 20, Cawe

Umoya wam uthi: “Isabelo sam nguNdikhoyo;
ngako oko ndiya kukholosa ngaye.”

2020 Septemba 19, Mgqibelo

Mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu; yenzani ngokwemimiselo yam, niyithobele imithetho yam ngononelelo. Yigcineni iyodwa iMila yam yokuPhumla, ukuze ibe ngumqondiso phakathi kwam nani. Kwakuba njalo niya kwazi ukuba mna ndinguNdikhoyo uThixo wenu.

2020 Septemba 18, Lwesihlanu

Kambe ke, xa sisephantsi kwayo, ingqeqesho ayivakali iluyolo, koko ibuhlungu; kodwa ke abo bayinyamezelayo baba nobomi obusulungekileyo obuyondeleleneyo.

2020 Septemba 17, Lwesine

Ikratshi liphembelela ingxabano;
ke bona ubulumko buzuzwa ngabo bamkela iingcebiso.

2020 Septemba 16, Lwesithathu

Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.

2020 Septemba 15, Lwesibini

Phaphani, nime zinzi elukholweni! Khaliphani, nomelele!

2020 Septemba 14, Mvulo

Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

2020 Septemba 13, Cawe

Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

2020 Septemba 12, Mgqibelo

Anikamboni nokumbona, kodwa niyamthanda. Niyakholwa nokukholwa kuye, naxa ningekamboni nje. Senizele naluchulumacho olungenakuchazwa, kuba seniyibona injongo yokholo lwenu; ndixela inkululeko yenu.

2020 Septemba 11, Lwesihlanu

Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;
ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.

2020 Septemba 10, Lwesine

Ndithi sanukuzikrazula izinxibo,
koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo.
Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu;
kaloku yena unesisa kwanemfobe,
uza kade umsindo,
yimvuze-mvuze ngobubele;
ewe, unebuyambo, akananqala.

2020 Septemba 9, Lwesithathu

Nina ningaboyihlo umtyholi, kwaye nithanda ukwenza intando yakhe. Yena wayesisibulala-mntu kwasekuqalekeni. Nenyaniso akayihoyanga, kuba akananyani. Usekhaya xa athetha ubuxoki, kuba yena ulixoki, usobuxoki kanye.

2020 Septemba 8, Lwesibini

Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,
nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.

2020 Septemba 7, Mvulo

Kanti ke thina ikomkhulu lethu lisezulwini, apho silindele ngolangazelelo ukuba uya kuvela khona uMsindisi wethu, iNkosi uYesu Krestu.

2020 Septemba 6, Cawe

Banoyolo abo balambela banxanelwe ubulungisa, kuba baya kwaneliswa nguThixo bona!

2020 Septemba 5, Mgqibelo

Ndithe cwaka ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ondikhululayo.

2020 Septemba 4, Lwesihlanu

Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.

2020 Septemba 3, Lwesine

Ewe kambe, ndingade ndibe liciko lokuthetha iilwimi zabantu, ndide ndithethe nezezithunywa zezulu – kodwa ndingenalo uthando, intetho yam isuka ibe yingxolo nje, efana neyentsimbi ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.

2020 Septemba 2, Lwesithathu

Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke.

2020 Septemba 1, Lwesibini

Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela