DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2021)

2021 Matshi 31, Lwesithathu

Kaloku komnceda ntoni na umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe? Okanye umntu angakhupha ntoni na exabisekileyo ukuze angàlahlekelwa bubomi bakhe?

2021 Matshi 30, Lwesibini

Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.

2021 Matshi 29, Mvulo

Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.

2021 Matshi 28, Cawe

Inene, lowo umamkelayo endimthumileyo, wamkela mna; ke owamkela mna, wamkela lowo undithumileyo.

2021 Matshi 27, Mgqibelo

Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.

2021 Matshi 26, Lwesihlanu

Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;
ndikhala kuwe ndibindekile.
Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,
usiphulaphule isikhungo sam.

2021 Matshi 25, Lwesine

Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!

2021 Matshi 24, Lwesithathu

Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!

2021 Matshi 23, Lwesibini

Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.

2021 Matshi 22, Mvulo

Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo. Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.

2021 Matshi 21, Cawe

Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.

2021 Matshi 20, Mgqibelo

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo.
Abayenzayo ke le nto baba nengqiqo eyiyo.
Ewe, makadunyiswe nanini-nanini!

2021 Matshi 19, Lwesihlanu

Ukuba uhlwayela imbewu yesimo esidala, uya kuvuna ilahleko esa ekufeni; ukuba uhlwayela imbewu yesimo esitsha phantsi koMoya kaThixo, uya kuvuna indyebo esa kobona bomi bungenasiphelo.

2021 Matshi 18, Lwesine

“Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2021 Matshi 17, Lwesithathu

Lamla, Ndikhoyo; caca ukuba unguThixo!
Sukubalibal' abantw' abahlelelekileyo!

2021 Matshi 16, Lwesibini

Kodwa ke, wena mntu uzinikele ngokupheleleyo kuThixo, zicezele zonke ezi zinto. Phuthuma ukulungisa, unqulo, ukuthemba, uthando, ukunyamezela, nobulali.

2021 Matshi 15, Mvulo

Ngoko ke yigqaleni indlela eniziphatha ngayo. Yibani ngabantu abanengqondo; musani ukuba ziziyatha. Eli thuba ninalo lisebenziseni kakuhle, kuba akho amaxesha amabi.

2021 Matshi 14, Cawe

Imimiselo kaNdikhoyo ilungile: ivuyis' intliziyo.
Imithetho kaNdikhoyo inyulu: ikhanyisel' amehl' indlela.

2021 Matshi 13, Mgqibelo

Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.

2021 Matshi 12, Lwesihlanu

Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.

2021 Matshi 11, Lwesine

Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;
ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana.

2021 Matshi 10, Lwesithathu

Kanene, ngaba uThixo waninika uMoya waza wenza nemiqondiso phakathi kwenu, ngenxa yokuba nina nanithobela umthetho? Okanye ezo zinto wazenza ngenxa yokuba nina nazivayo nazamkela iindaba ezimnandi?

2021 Matshi 9, Lwesibini

Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2021 Matshi 8, Mvulo

Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.

2021 Matshi 7, Cawe

UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.

2021 Matshi 6, Mgqibelo

Kodwa ngoku, ngokumanywa noKrestu, nina kanye enanikade nikude lee, nisondeziwe ngokuphalala kwegazi likaKrestu.

2021 Matshi 5, Lwesihlanu

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.

2021 Matshi 4, Lwesine

Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.

2021 Matshi 3, Lwesithathu

Kaloku wonke umntwana kaThixo uyaloyisa eli hlabathi. Ke kaloku ihlabathi siloyisa ngokukholosa ngoThixo.

2021 Matshi 2, Lwesibini

Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili.

2021 Matshi 1, Mvulo

UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela