DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2021)

2021 Epreli 30, Lwesihlanu

Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.

2021 Epreli 29, Lwesine

Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

2021 Epreli 28, Lwesithathu

UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”

2021 Epreli 27, Lwesibini

UThixo yena akamntu;
akaxoki, akaguqu-guquki okomntu.
Akakufezekisi na akuthembisileyo?
Akakuphumelelisi na akuthethileyo?

2021 Epreli 26, Mvulo

Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2021 Epreli 25, Cawe

Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.

2021 Epreli 24, Mgqibelo

Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?”

2021 Epreli 23, Lwesihlanu

Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule
kumaxoki nakubakhohlisi.”

2021 Epreli 22, Lwesine

Ukuba niyathandana, bonke baya kuqonda okokuba ningabafundi bam.

2021 Epreli 21, Lwesithathu

Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.

2021 Epreli 20, Lwesibini

Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.

2021 Epreli 19, Mvulo

Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.

2021 Epreli 18, Cawe

Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Krestu osibabale ngazo zonke izipho zoMoya zasezulwini, sakuba simanywe noKrestu.

2021 Epreli 17, Mgqibelo

UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

2021 Epreli 16, Lwesihlanu

Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.

2021 Epreli 15, Lwesine

Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.

2021 Epreli 14, Lwesithathu

Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.

2021 Epreli 13, Lwesibini

Amandla akhe amtsho angafikeleleki;
usulungekile, ebalasele ngobulungisa;
akukho bani amcinezelayo.

2021 Epreli 12, Mvulo

Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

2021 Epreli 11, Cawe

Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo.

2021 Epreli 10, Mgqibelo

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

2021 Epreli 9, Lwesihlanu

Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.

2021 Epreli 8, Lwesine

Ukuxhalela abantu kusenokuba ngumgibe;
kambe ke othembela kuNdikhoyo ukhuselekile.

2021 Epreli 7, Lwesithathu

Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!
Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.

2021 Epreli 6, Lwesibini

Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.

2021 Epreli 5, Mvulo

Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;
isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.

2021 Epreli 4, Cawe

Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.”

2021 Epreli 3, Mgqibelo

Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.

2021 Epreli 2, Lwesihlanu

Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

2021 Epreli 1, Lwesine

Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela