DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2014)

2014 Februwari 28, Lwesihlanu

Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;
phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.

2014 Februwari 27, Lwesine

Ndinixelele ezi zinto ukuze nibe noxolo, kuba nimanyene nam. Ehlabathini niya kubandezeleka; kodwa musani ukuxhalaba, kuba mna ndiloyisile ihlabathi.

2014 Februwari 26, Lwesithathu

Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke.

2014 Februwari 25, Lwesibini

Ke ngoko uYesu wathi kumaJuda abeke ithemba kuye: “Ukuba nithe nazingisa ukuhlala nisenza oko ndinifundisileyo, niya kuba ngabafundi bam benene. Niya kuyiqonda ke inyaniso; yaye inyaniso iya kunenza nikhululeke.”

2014 Februwari 24, Mvulo

Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo.

2014 Februwari 23, Cawe

Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane.

2014 Februwari 22, Mgqibelo

Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.

2014 Februwari 21, Lwesihlanu

Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

2014 Februwari 20, Lwesine

Kaloku umthetho ufikelele esiphelweni ngoKrestu, khon' ukuze wonke umntu abe lilungisa kuba ekholwa.

2014 Februwari 19, Lwesithathu

Andinazintloni ngazo iindaba ezimnandi zikaKrestu. Zingamandla kaThixo okusindisa bonke abakholwayo, umJuda kuqala, kwanowolunye uhlanga ngokunjalo.

2014 Februwari 18, Lwesibini

Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.

2014 Februwari 17, Mvulo

“Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kukho abatshoyo. Ewe kunjalo kambe, kodwa azilunganga zonke izinto. Ewe: “Sivumelekile ukwenza nayiphi na into,” kodwa izinto azakhi zonke.

2014 Februwari 16, Cawe

Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!
Ngenxa yezibele zothando lwakho,
nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!
Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;
ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

2014 Februwari 15, Mgqibelo

Amazwi axolelanisayo angumthi wobomi;
ke wona awenkohlakalo ayawaphula umoya.

2014 Februwari 14, Lwesihlanu

Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.

2014 Februwari 13, Lwesine

Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.

2014 Februwari 12, Lwesithathu

Lufuneni kuNdikhoyo uncedo;
mfunen' aph' akhoyo ngawo onke amaxesha.

2014 Februwari 11, Lwesibini

Imini enye echithelwe kwakho, Thixo,
ingaphezulu kwewaka lemihla echithwe ndaweni yimbi.
Kubhetele ndibe ngumgcini-mnyango kwaThixo
ndaweni yokungqendeva phakathi kwezaphula-mthetho.

2014 Februwari 10, Mvulo

Ewe, konke okushukumayo makudume kubonge uNdikhoyo!
Masidanduluke sonke sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”

2014 Februwari 9, Cawe

Nakuwe ke mntundini ugwebayo, nokuba ungubani, amatyholo aphelile. Ewe, ngokugweba omnye, uzigweba ngokwakho. Kaloku wena ugwebayo, wenza kwaezo zinto ugweba omnye ngazo.

2014 Februwari 8, Mgqibelo

Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.

2014 Februwari 7, Lwesihlanu

Wena Thixo, unguThixo wam, ndithe swi nguwe.
Umphefumlo wam uyakulangazelela.
Ndihlala ndizula-zula ndikufuna;
ndinxanele wena oku komhlaba obharhileyo.

2014 Februwari 6, Lwesine

Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.

2014 Februwari 5, Lwesithathu

Wena ke, shumayela ngendlela engqinelana nemfundiso ephilileyo.

2014 Februwari 4, Lwesibini

Phulaphulani ke, maSirayeli, ingaba yintoni afuna niyenze uNdikhoyo uThixo wenu? Ufuna nimhlonele, ningaphambuki endleleni yakhe. Ufuna nimthande, nimkhonze ngengqondo yenu yonke nangomoya wenu wonke, nithobele imiyalelo nemimiselo yakhe, le ndininika yona namhlanje ukuze kulunge kuni.

2014 Februwari 3, Mvulo

Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?
Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

2014 Februwari 2, Cawe

Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
indlela eya ewongeni yintobeko.

2014 Februwari 1, Mgqibelo

Imfundiso yakho lilifa lam nanini na;
ewe, iluyolo entliziyweni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:
“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,
ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’”
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela