DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2017)

2017 Novemba 30, Lwesine

Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;
luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.

2017 Novemba 29, Lwesithathu

Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.

2017 Novemba 28, Lwesibini

Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.

2017 Novemba 27, Mvulo

Phulaphula, nyana wam, uwathathele ingqalelo amazwi am,
uze udle ubomi iminyaka emininzi.

2017 Novemba 26, Cawe

Kaloku akukho nanye into enokumnqabela uThixo.

2017 Novemba 25, Mgqibelo

Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye. Ke mna noBawo sibanye.

2017 Novemba 24, Lwesihlanu

Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,
ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.

2017 Novemba 23, Lwesine

Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.

2017 Novemba 22, Lwesithathu

Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.

2017 Novemba 21, Lwesibini

UThixo olizwi ndilidumisayo
ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.
Soze andenze nto umntu.

2017 Novemba 20, Mvulo

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

2017 Novemba 19, Cawe

Sanukuhamba ekhondweni looyihlo-mkhulu, bona babexelelwa ngabashumayeli bamandulo besithi: Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi: ‘Guqukani kwiindlela zenu zobubi, nahlukane nemisebenzi yobugwenxa. Kambe ke abazange bandiphulaphule, bengazange bandithobele,’ utsho uNdikhoyo.

2017 Novemba 18, Mgqibelo

Umhlobo unothando ngamaxesha onke;
ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.

2017 Novemba 17, Lwesihlanu

Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo umthetho kaMosis.

2017 Novemba 16, Lwesine

Weza uPetros kuYesu, wabuza esithi: “Nkosi, koda kube kangaphi na uwethu endona ndimxolela? Ngaba koba kasixhenxe na?” UYesu wathi kuye: “Hayi, akuyi kuba kasixhenxe, kuya kuba ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe.”

2017 Novemba 15, Lwesithathu

Ewe, nguwe inqaba yam nekhusi lam;
ndikhokele, undithundeze, lidunyiswe igama lakho.

2017 Novemba 14, Lwesibini

Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa.

2017 Novemba 13, Mvulo

Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.

2017 Novemba 12, Cawe

Abangenabani ubenzela izihlobo.
Amabanjwa uwakhokelela enyhwebeni;
ke bona abavukeli bohlala kwelingumqwebedu.

2017 Novemba 11, Mgqibelo

Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.

2017 Novemba 10, Lwesihlanu

Ukuba uwenu uthe wona, yiya uthethe naye ninodwa. Ukuba úthe wakuva, woba umzuzile uwenu.

2017 Novemba 9, Lwesine

Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;
ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

2017 Novemba 8, Lwesithathu

Yiyo ke loo nto ndithi umkhulu, wena Ndikhoyo Nkosi yam. Akukho onjengawe, kungekho naThixo ngaphandle kwakho, njengoko sazivelayo ngezi zethu iindlebe.

2017 Novemba 7, Lwesibini

Ukuba umntu omi kakuhle ngezinto zobu bomi ubona uwabo eswele, aze amvimbe into engamncedayo, angatsho njani loo mntu ukuba unalo uthando lukaThixo entliziyweni yakhe?

2017 Novemba 6, Mvulo

UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,
kwabo bamfuna benyanisekile.

2017 Novemba 5, Cawe

Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.

2017 Novemba 4, Mgqibelo

Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.

2017 Novemba 3, Lwesihlanu

Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;
kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa.

2017 Novemba 2, Lwesine

Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.

2017 Novemba 1, Lwesithathu

Mna ndikuyalela namhlanje ukuba umthande uNdikhoyo uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, uyithobele uyenze imiyalelo nemimiselo nezithethe zakhe. Wakwenjenjalo uya kuphila wande, uNdikhoyo uThixo wakho akuthamsanqele kwelo lizwe ungenela ukuya kuma kulo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ngulowo uhambo ingenabala,
owenza ubulungisa,
ayithethe inyaniso engafihlisi.
Ngulowo unganyelisiyo,
ungamenziyo into embi uwabo,
ungamhlebiyo ummelwana wakhe.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela