DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Disemba 2017)

2017 Disemba 31, Cawe

Utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Yimani eziphambukeni nikhangele,
nibuzise ngomendo wamandulo,
niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona,
nihambe ngayo ke,
ukuze nifumane inzolo emphefumlweni.
Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’”

2017 Disemba 30, Mgqibelo

Yithi ke kubo: ‘Itsho iNgangalala enguNdikhoyo ukuthi: Akukho lizwi lam liza kulityaziswa; konke endikuthethileyo kuza kwenzeka! Nditshilo nje mna Nkosi Ndikhoyo nditshilo.’

2017 Disemba 29, Lwesihlanu

Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.

2017 Disemba 28, Lwesine

Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!

2017 Disemba 27, Lwesithathu

Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.

2017 Disemba 26, Lwesibini

Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye.

2017 Disemba 25, Mvulo

Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa ngumshumayeli, esithi: “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).

2017 Disemba 24, Cawe

Esazicinga ezi zinto, naso isithunywa seNkosi sibonakala kuye ephupheni, sisithi: “Josefu, nyana kaDavide, sukoyika ukumthatha uMariya abe ngumfazi wakho, kuba oko akukhawuleyo kungoMoya oyiNgcwele.”

2017 Disemba 23, Mgqibelo

Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.

2017 Disemba 22, Lwesihlanu

Kuba iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

2017 Disemba 21, Lwesine

Ekubulalekeni kukusebenza kukho umvuzo;
ke yena olibala kukuncokola wambathwa bubuhlwempu kuphela.

2017 Disemba 20, Lwesithathu

Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.

2017 Disemba 19, Lwesibini

Kodwa ngenxa yaloo mfobe yakho wena akubatshitshisanga;
wena zange ubalahle, Thixondini onesisa nenceba.

2017 Disemba 18, Mvulo

Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

2017 Disemba 17, Cawe

Uze uyithande ke iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela, nangamandla akho ephela.

2017 Disemba 16, Mgqibelo

Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.

2017 Disemba 15, Lwesihlanu

Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,
kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.

2017 Disemba 14, Lwesine

Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.

2017 Disemba 13, Lwesithathu

UNdikhoyo uthi:
“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.
Kanti ndilindele abangandifuni nganto.
Ndandisithi bokhala kum;
kwathi kanti bona abakhw' apho.
Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’
Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.”

2017 Disemba 12, Lwesibini

Ndiya kuphumla ngenzolo, ndilale;
nguwe kuphela kaloku, Ndikhoyo, ondinqabisayo.

2017 Disemba 11, Mvulo

Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.

2017 Disemba 10, Cawe

“Izishumi ziziseni ziphelele endlwini enguvimba wam ukuze kubekho ukutya endlwini yam. Khanindivavanye kulo mbandela,” utsho uNdikhoyo onamandla onke, “nibone ukuba andiyi kuwavula na amasango ezulu, ndinithululele iintsikelelo, nditsho nangaphezu kokufuna kwenu.”

2017 Disemba 9, Mgqibelo

Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.

2017 Disemba 8, Lwesihlanu

Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.

2017 Disemba 7, Lwesine

Ngokunjalo ke noKrestu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabaninzi. Okwesibini uya kufika engenanto yakwenza nesono, koko eze kusindisa abo bamlindeleyo.

2017 Disemba 6, Lwesithathu

Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;
wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

2017 Disemba 5, Lwesibini

Ke ngoko hambani niye kuzenza abafundi zonke iintlanga, nibabhaptize egameni loYise, neloNyana, neloMoya oyiNgcwele; nibafundisa ukuba bazenze zonke izinto endiniyalele ngazo. Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.

2017 Disemba 4, Mvulo

Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.

2017 Disemba 3, Cawe

Abo bathembekileyo ubathululela ingqiqo,
aze abe likhaka lâbo banyanisekileyo.

2017 Disemba 2, Mgqibelo

Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

2017 Disemba 1, Lwesihlanu

Nina ke, bazali, abantwana musani ukubaphatha gadalala, bade babe nenzondo, koko banikeni ingqeqesho nemiyalo yobuKrestu.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Wanga angakunika umnqweno wentliziyo yakho,
aziphumelelise zonk' iinquleqhu zakho.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela