DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2018)

2018 Janyuwari 31, Lwesithathu

Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

2018 Janyuwari 30, Lwesibini

Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.

2018 Janyuwari 29, Mvulo

Intliziyo yomntu inenkohliso ngaphezu kweento zonke.
Akukho nto inokuyinyanga,
kungekho bani uyiqondayo.
Ndim, mna Ndikhoyo, umgocagoci weentliziyo zabantu,
nomvavanyi weengcinga zabo.
Ulowo ndimvuza ngokuziphatha kwakhe,
ndimdlise iziqhamo zezenzo zakhe.

2018 Janyuwari 28, Cawe

Ilungisa alisoze ligungqe,
laye lingasoze lilibaleke.

2018 Janyuwari 27, Mgqibelo

Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

2018 Janyuwari 26, Lwesihlanu

Lushumayele udaba, zingisa ukuluvakalisa ngamathuba alungileyo naxakileyo. Baqononondise abantu, ukhalime, ubakhuthaze, ufundisa ngomonde.

2018 Janyuwari 25, Lwesine

Yakukhula ingeniso bayanda nabaxhomekeke kuyo,
ibe yintoni ke ezuzwa ngumniniyo?
Kuphela uyitya ngamehlo!

2018 Janyuwari 24, Lwesithathu

Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.

2018 Janyuwari 23, Lwesibini

Ngenani ngesango elimxinwa, kungabi ngelibanzi, kuba abangena ngesango elibanzi, bahambe ngendlela ephangaleleyo, basinga entshabalalweni; yaye baninzi abenjenjalo. Ke abangena ngesango elimxinwa, bahambe ngendlela ecutheneyo, basinga ebomini; yaye bambalwa abenjenjalo.

2018 Janyuwari 22, Mvulo

Ukuba uyandiphulaphula uya kuba nako ukubuqonda ubulungisa,
ukwazi okufanelekileyo nokulungileyo.
Ewe, uya kutsho uyazi yonke indlela ethe ngqo.

2018 Janyuwari 21, Cawe

Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.

2018 Janyuwari 20, Mgqibelo

Ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.

2018 Janyuwari 19, Lwesihlanu

Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;
kambe ke yona ayihambi nazintsizi.

2018 Janyuwari 18, Lwesine

Kaloku nguwuphi na kuni othi, efuna ukwakha inqaba, angàthi kuqala ahlale phantsi, abale indleko, ethelekelela ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?

2018 Janyuwari 17, Lwesithathu

Ngoko ke nina, zihlobo zam, zingisani nizakhe elukholweni lwenu olunyulu. Thandazani niqhutywa nguMoya oyiNgcwele. Uthando lukaThixo maluhlale lunifumbathile ngoku nilinde iNkosi yethu uYesu Krestu. Kaloku yena unenceba, uya kunipha ubomi obungapheliyo.

2018 Janyuwari 16, Lwesibini

Unyana osisilumko ulibhongo likayise,
ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.

2018 Janyuwari 15, Mvulo

“Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,
uya kumphendula nabani na okumangalelayo.
Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;
ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo!

2018 Janyuwari 14, Cawe

Ewe, zihlobo zam, xa singalahlwa sisazela asibi naxhala phambi koThixo. Zonke izinto esizicelayo kuye, siyazifumana; kuba kaloku siyayifezekisa imiyalelo yakhe, siyenze intando yakhe.

2018 Janyuwari 12, Lwesihlanu

Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.

2018 Janyuwari 11, Lwesine

Ekuvile oko uYesu, wathi kubo: “Ugqirha akafuneki nganto kwabaphilileyo, ufuneka kwabagulayo.”

2018 Janyuwari 10, Lwesithathu

Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,
uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.

2018 Janyuwari 9, Lwesibini

Noba ungade ungadubuli umkhiwane,
umdiliya ungabi nazo neziqhamo,
nokuba awungevelisi nto umnquma,
namasimi ngokwawo angabi nasivuno,
zingade zingabikho iigusha esibayeni,
nobuhlanti bungabi nazo nazinkomo,
ewe, khona kungade kube njalo,
kodwa mna ndochwayita kuNdikhoyo,
ndibe nemihlali kuThixo ondisindisayo.

2018 Janyuwari 8, Mvulo

Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.

2018 Janyuwari 7, Cawe

Hayi inyhweba yomntu ongahambiyo ngecebo labantw' abagwenxa,
ongahambiyo ekhondweni lamatshijolo,
umnt' ongadlelaniyo nabaphoxisayo.

2018 Janyuwari 6, Mgqibelo

Wahambisa wathi: “Zizenzo eziphuma entliziyweni yomntu ezimngcolisayo. Kaloku zivela ngaphakathi entliziyweni yomntu iingcamango ezimbi. Kulapho kuvela khona ubuhenyu, ubusela, ukubulala, ukukrexeza, ukunyoluka, inkohlakalo, inkohliso, ukurheletya, umona, ukunyelisa uThixo, ikratshi, ububhanxa. Zonke ezi zinto zikhohlakeleyo ziphuma entliziyweni yomntu, zize zimngcolise.”

2018 Janyuwari 5, Lwesihlanu

Kodwa yandiphendula yathi: “Ubabalo lwam lukwanele, kuba amandla am acaca xa ubuthathaka.” Ngoko ke ndikhetha ukuqhayisa ngezinto ezibonakalisa ubuthathaka bam, ukuze ndikuve ukongama kwamandla kaKrestu phezu kwam.

2018 Janyuwari 4, Lwesine

Ukukhula kobulumko kwandisa ukukhathazeka;
kanti ke nokukhula kolwazi kongeza iinzingo.

2018 Janyuwari 3, Lwesithathu

Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.

2018 Janyuwari 2, Lwesibini

Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.

2018 Janyuwari 1, Mvulo

Sifundise ukuyiqingqa imihla yethu,
ukuze sizuze ubulumko.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Lungekho ke ukholo akukho ukumkholisa uThixo. Kaloku wonke ubani ozayo kuye kufuneka akholwe ukuba ukho uThixo, yaye uyabavuza abo bamlangazelelayo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela