DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Okthoba 2026

2026 Okthoba 21, Lwesithathu

Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;
umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni.

2026 Okthoba 20, Lwesibini

Olu thando ke alunakuze lone mntu. Ngoko ke ukuthanda kukuwuthobela ngokupheleleyo umthetho.

2026 Okthoba 19, Mvulo

Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.

2026 Okthoba 18, Cawe

Kunikele kuNdikhoyo konke okwenzayo,
yaye ke yena uya kuziphumelelisa izicwangciso zakho.

2026 Okthoba 17, Mgqibelo

Ngaloo mini uThixo uya kuvuza elowo nalowo ngokwemisebenzi yakhe.

2026 Okthoba 16, Lwesihlanu

Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.

2026 Okthoba 15, Lwesine

Kum ziluyolo izithethe zakho;
zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.

2026 Okthoba 14, Lwesithathu

Kufuneka nizahlulele mna, nibe ngabam ndedwa, kuba kaloku ndim Ndikhoyo uThixo wenu, ndaye mna ndahlukile. Ndanahlula kwezi ntlanga, ukuze nina nibe ngabam ndedwa.

2026 Okthoba 13, Lwesibini

Ke yena othe wawasela amanzi endiya kumpha wona mna, soze anxanwe naphakade. Amanzi endiya kumnika wona, aya kuba ngumthombo ompompoza kuye, emnika obona bomi bungenasiphelo.

2026 Okthoba 12, Mvulo

Thina singabancedisanayo emsebenzini kaThixo; intsimi kaThixo ke nini.
Ngenye indlela nisisakhiwo sikaThixo.

2026 Okthoba 11, Cawe

Ke uNdikhoyo uya kuba ngukumkani wehlabathi jikelele. Ewe, ngaloo mini iya kuba nguNdikhoyo yedwa, igama lakhe libe kuphela kwagama elitshatsheleyo.

2026 Okthoba 10, Mgqibelo

UYesu Krestu lo wayizolo, usekwanguye nanamhla, nangomso, nanini nanini.

2026 Okthoba 9, Lwesihlanu

Nenkqu yothando ivela kuMhlekazi.
Kaloku wena, Nkosi, uyazelelela,
umntu umvuza ngokwemisebenzi yakhe.

2026 Okthoba 8, Lwesine

Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

2026 Okthoba 7, Lwesithathu

Ngubani ke onokusahlukanisa nothando lukaKrestu? Yimbandezelo na? Yinkxwaleko na? Yintshushiso na? Yindlala na? Bubuzé na? Yingozi na? Likrele na?

2026 Okthoba 6, Lwesibini

Umnqweno ongafezekiyo uyamngcungcuthekisa umntu;
kanti ke wakufezeka umnqweno ufana nomthi onika ubomi.

2026 Okthoba 5, Mvulo

Wonke umntu oyithobelayo imiyalelo kaThixo umanyene noThixo, noThixo uhlala kuye. Into ecacisa ukuba uThixo uhlala kuthi nguMoya lo asinike yena.

2026 Okthoba 4, Cawe

INkosi uYesu Krestu mayibe sisikrweqe senu, ningasilungiseleli isimo senu esonakeleyo ukuze nanelise iinkanuko zaso.

2026 Okthoba 3, Mgqibelo

Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakho
ndaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.

2026 Okthoba 2, Lwesihlanu

Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.

2026 Okthoba 1, Lwesine

Egameni leNkosi yethu uYesu Krestu ndiyanibongoza, mawethu, ukuba nivane, nithethe nto-nye, kungabikho zimbambano phakathi kwenu. Manyanani nibe luqilima, nimxhelo mnye, ninazimvo zinye.