DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Novemba 2026

2026 Novemba 19, Lwesine

Njengoko ziphuphumela kuthi iimbandezelo zikaKrestu, ngokunjalo ke, kwangaye uKrestu, iphuphumela kuni nentuthuzelo yethu.

2026 Novemba 18, Lwesithathu

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

2026 Novemba 17, Lwesibini

Yonke into inexesha layo;
umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.

2026 Novemba 16, Mvulo

Ndaphuma kuBawo, ndeza ehlabathini. Ngoku ke ndiyemka ehlabathini; ndiya kuBawo.

2026 Novemba 15, Cawe

Masingalali buthongo ke thina njengabanye abo; masiphaphe, singanxili.

2026 Novemba 14, Mgqibelo

Yena wondibamba lungatyibiliki unyawo lwam;
kaloku akozeli, walusa mna.

2026 Novemba 12, Lwesine

Masikhe siziphengulule sizigocagoce iindlela zethu,
size sibuyele kuNdikhoyo.

2026 Novemba 11, Lwesithathu

Amaxhala ayamtyhafisa umntu;
ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.

2026 Novemba 9, Mvulo

Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.

2026 Novemba 8, Cawe

Ewe, ndiyazibika, Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;
ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.

2026 Novemba 7, Mgqibelo

Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.

2026 Novemba 6, Lwesihlanu

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

2026 Novemba 5, Lwesine

Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;
ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.

2026 Novemba 4, Lwesithathu

Nanku ke umlomo weNkosi uNdikhoyo: Ngaba kuyandikholisa na ukufa komntu okhohlakeleyo? Hayi bo, into endikholisayo kukuba azijike iindlela zakhe, aze adle ubomi.

2026 Novemba 3, Lwesibini

Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

2026 Novemba 2, Mvulo

Ewe, Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli.

2026 Novemba 1, Cawe

UYesu wasibizela kuye isihlwele kwanabafundi bakhe, wathi kubo: “Othanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe, andilandele.”