2026 Septemba 30, Lwesithathu
Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela.
2026 Septemba 29, Lwesibini
Waza uYesu wabakhangela wathi: “Abantu bona abanako ukuyenza le nto, kodwa yena uThixo unako ukuzenza zonke izinto.”2026 Septemba 28, Mvulo
Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.2026 Septemba 27, Cawe
Bulelani uNdikhoyo, ninqule igama lakhe,nizibalisel' iintlanga ngezintw' asenzele zona.
2026 Septemba 26, Mgqibelo
Ngoko ke ukholo luvuswa ngokuvakaliswa kodaba; ke lona udaba luvakalisa uKrestu.2026 Septemba 25, Lwesihlanu
Wathi kubo: “Ndilandeleni; ndonenza abalobi babantu.”2026 Septemba 24, Lwesine
Kukho indlela ebonakala ngokungathi ilungile emntwini,kodwa isiphelo sayo sisa ekufeni.
2026 Septemba 23, Lwesithathu
Zihlobo, musan' ukusuka nikhokelwe nje nanguwuphi na umoya. Wonke umoya wuvavanyeni, nikhangele ukuba ngaba uvela kuThixo na. Kaloku baninzi abashumayeli abanefuthe lobuxoki abajikeleza elizweni.2026 Septemba 22, Lwesibini
Lumkani, ningadeli namnye waba bancinane. Ndithi kuni, izithunywa zabo ezulwini zihlala ziphambi koBawo osezulwini.2026 Septemba 21, Mvulo
NguNdikhoyo inqaba yokuzimela abacinezelwayo;nguye ikhusi ngamaxesha eembandezelo.
2026 Septemba 20, Cawe
Ke kaloku, mawethu, ndiyaniyala: balumkeleni abaxabanisayo nabakhubekisayo, besenza okuchaseneyo nemfundiso enayifundiswayo nina. Zikhwebuleni kubo.2026 Septemba 19, Mgqibelo
Ndaweni yaloo nto yenzelanani ububele ninobulali, nixolelane, kwanjengokuba naye uThixo wanixolelayo ngoKrestu.2026 Septemba 18, Lwesihlanu
Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.
2026 Septemba 17, Lwesine
Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.2026 Septemba 16, Lwesithathu
Masitsho singenadyudyu ke sithi:“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?”
2026 Septemba 15, Lwesibini
Ndisisicaka sakho, Ndikhoyo, ndikhangele ngobubele;ndihlangule ezintshabeni zam ngenxa yezibele zakho.
2026 Septemba 14, Mvulo
Xa nicaphukile, umsindo mawunganiqweqwediseli esonweni; futhi malingade litshone ilanga ninomsindo. Umtyholi musani ukumvulela indawo ebomini benu.2026 Septemba 13, Cawe
Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.2026 Septemba 12, Mgqibelo
Mabungabikho ubuxoki emlonyeni wakho,nentetho ekhohlisayo ibe kude lee emilebeni yakho.
2026 Septemba 11, Lwesihlanu
Uewe wenu makabe nguewe, nohayi abe nguhayi. Okugqithe koko kuvela kongendawo.2026 Septemba 10, Lwesine
Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.2026 Septemba 9, Lwesithathu
Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,waza yena wasabela wandihlangula.
2026 Septemba 8, Lwesibini
Akukho nto ifihliweyo ingayi kudizwa, nanto igqunyiweyo ingayi kwaziwa.2026 Septemba 7, Mvulo
Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.2026 Septemba 6, Cawe
Yena ngumhlaziyi wâbo batyhafileyo,umomelezi wâbo bangenamandla.
2026 Septemba 5, Mgqibelo
Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu malube nani nonke.2026 Septemba 4, Lwesihlanu
Ndiyamcela uThixo weNkosi yethu uYesu Krestu, uSosidima, ukuba aniphe uMoya wobulumko, anityhilele uThixo, ukuze nimazi.2026 Septemba 3, Lwesine
Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo.
2026 Septemba 2, Lwesithathu
Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.2026 Septemba 1, Lwesibini
Ndiya kuba ndibonisa ubungangamsha bam; ndibe ke ndiyazazisa kwintlaninge yezizwe. Baya kuqonda ukuba mna ndinguNdikhoyo.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...