DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Agasti 2026

2026 Agasti 31, Mvulo

Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla.

2026 Agasti 30, Cawe

Ngoko ke sisondela singenaxhala kuThixo, sisazi ukuba uyasiphulaphula xa sicela silungele ukwenza loo nto athanda ukuba siyenze.

2026 Agasti 29, Mgqibelo

Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa.

2026 Agasti 28, Lwesihlanu

Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
ndihleli ndikulindele imini yonke.

2026 Agasti 27, Lwesine

Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.

2026 Agasti 26, Lwesithathu

Ade uThixo asithululele uMoya wakhe,
nentlango itsho ifane nomyezo weziqhamo,
imiyezo yeziqhamo ifane namahlathi.

2026 Agasti 25, Lwesibini

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2026 Agasti 24, Mvulo

Nabu ke obona bomi: kukwazana nawe, wena Thixo unguye, ingabi wumbi; bazane naye lowo uthunywe nguwe, uYesu Krestu.

2026 Agasti 23, Cawe

UMoya ngokwakhe ungqinelana nathi ukuthi singabantwana bakaThixo.

2026 Agasti 22, Mgqibelo

Kaloku izibele zothando lwakho ziyabugqwesa nobomi,
ngoko ndiya kuhlala ndikudumisa.
Ndiya kukubonga lo gama ndisaphilayo;
ndiya kunyukela kuwe ngomthandazo.

2026 Agasti 21, Lwesihlanu

Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

2026 Agasti 20, Lwesine

Ke nina, zihlobo zam, ningabantwana bakaThixo. Ninamandla kunabashumayeli abaxokayo. Kaloku lowo ninefuthe lakhe mkhulu kunalowo linefuthe lakhe ihlabathi.

2026 Agasti 19, Lwesithathu

UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.

2026 Agasti 17, Mvulo

Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.

2026 Agasti 16, Cawe

Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

2026 Agasti 15, Mgqibelo

Kodwa ukuba okhohlakeleyo uthe wazishiya izono zakhe, wahamba ngokwayo yonke imimiselo yam, wenza okulungileyo nobulungisa, akayi kufa, kodwa uya kubudla ubomi.

2026 Agasti 14, Lwesihlanu

Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.

2026 Agasti 13, Lwesine

Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;
kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

2026 Agasti 12, Lwesithathu

Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.

2026 Agasti 11, Lwesibini

Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

2026 Agasti 10, Mvulo

Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;
ndilondoloze ngenceba nenyaniso.

2026 Agasti 9, Cawe

UKrestu wasikhulula ukuze sibe ngabantu abakhululekileyo mpela! Ngoko ke yimani ngxishi ningahexi, ningavumi ukuphindela kwidyokhwe yobukhoboka.

2026 Agasti 8, Mgqibelo

Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”

2026 Agasti 7, Lwesihlanu

“Ikhona na indawo efihlakeleyo apho umntu angazimela khona ukuze ndingamboni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
“Asindim na lowo ukho ngokupheleleyo ezulwini nasemhlabeni?”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2026 Agasti 6, Lwesine

Njengoko ungayazi indlela yomoya,
ungamazi nokuba wenziwa njani na umntu esizalweni sonina,
kananjalo soze ukuqonde nokusebenza kukaThixo onguMdali weento zonke.

2026 Agasti 5, Lwesithathu

Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.

2026 Agasti 4, Lwesibini

Ndithe cwaka, ndikholose ngoThixo;
kaloku nguye yedwa ithemba lam.

2026 Agasti 3, Mvulo

Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana.

2026 Agasti 2, Cawe

Iingqondo zenu zimiliseleni kwizinto zaphezulu, kungabi kwizinto zalo mhlaba.

2026 Agasti 1, Mgqibelo

Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule.