2026 Julayi 31, Lwesihlanu
Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo.2026 Julayi 30, Lwesine
Ulodala iintaba, adal' umoya,ulozityhilayo iinjongo zakhe eluntwini,
ulojik' umsobomvu kuvel' urhatyazo,
ulonyathela imimango ephakamileyo yomhlaba,
nguNdikhoyo uThixo onamandla onke igama lakhe.
2026 Julayi 29, Lwesithathu
Ngenene ndobuxhamla kambe ububele bukaNdikhoyolo gama ndisadla amazimba.
2026 Julayi 28, Lwesibini
Kude kube ngoku anikaceli nto ngegama lam. Celani ke; niya kuphiwa, luze uvuyo lwenu lugqibelele.2026 Julayi 27, Mvulo
Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.2026 Julayi 26, Cawe
Umntu ovana nezilumko naye uba sisilumko;ke yena otshomana nezityhakala uyenzakala.
2026 Julayi 25, Mgqibelo
Lo Yesu ngulowo zithi iziBhalo xa zithetha ngaye:“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi
laba lelona litye lesiseko.’”
2026 Julayi 24, Lwesihlanu
Ngoko ke ngoku nasi isishwankathelo salo mbandela: Mhlonele uThixo, uyithobele imimiselo yakhe, kuba oko luxanduva lomntu ngamnye.2026 Julayi 23, Lwesine
Ugqibelele won' umyalelo kaNdikhoyo:uhlaziya amandla.
Uthembekile wona,
kub' unik' isiyatha
ubulumko.
2026 Julayi 22, Lwesithathu
Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.2026 Julayi 21, Lwesibini
Kaloku yena uThixo akalotshijolo: akazange awulibale umsebenzi eniwenzileyo ngenxa yakhe, nothando enilubonakalise ngokulungiselela abantu bakhe – msebenzi lowo nisawuqhubayo unangoku.2026 Julayi 20, Mvulo
Umntu oyinonophelayo imfundiso uyaphumelela;ewe, yimihlali yodwa kokholosa ngoNdikhoyo.
2026 Julayi 19, Cawe
Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.2026 Julayi 18, Mgqibelo
Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.2026 Julayi 17, Lwesihlanu
Ndiya kumemelela ndinemincili,ndicule ngokuzimisela okukhulu
ngenxa yokuba undihlangule.
2026 Julayi 16, Lwesine
Ndim isonka esinobomi, esihlileyo sivela ezulwini. Ukuba ubani uthe wasitya esi sonka, wophila ngonaphakade. Isonka endiya kumnika sona ngumzimba wam, endiwunikelayo ukuze ihlabathi liphile.2026 Julayi 15, Lwesithathu
Ke, ndithi kuni, ngomhla womgwebo abantu baya kuziphendulela ngelizwi ngalinye eliphuthileyo abathe balithetha.2026 Julayi 14, Lwesibini
Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.
2026 Julayi 13, Mvulo
Ziphephe iinkanuko zobutsha; phuthuma ukulungisa, ukholo, uthando, noxolo, umanyene nabo bonke abayinqula ngokunyaniseka iNkosi.2026 Julayi 12, Cawe
Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.2026 Julayi 11, Mgqibelo
Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.
2026 Julayi 10, Lwesihlanu
Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.2026 Julayi 9, Lwesine
Alukho uloyiko apho kukho uthando, kuba uthando oluyondeleleneyo luyakugxotha ukoyika. Kaloku emntwini owoyikayo uthando alukayondelelani, kuba ukoyika kuhambisana nesohlwayo.2026 Julayi 8, Lwesithathu
“Ewe, iintaba zingadilika,ke zona iinduli zinyamalale,
kodwa izibele zothando lwam soze zinqamke kuwe,
nomnqophiso wam woxolo soze ushukume.”
Utsho ke yena uNdikhoyo okukhathaleleyo.
2026 Julayi 7, Lwesibini
Ke lowo uzingisa kude kube sekupheleni wosindiswa.2026 Julayi 6, Mvulo
Wena, Ndikhoyo, uhleli ngonaphakade;ulawulo lwakho luhlala luhleli izizukulwana ngezizukulwana.
2026 Julayi 5, Cawe
Ndikhoyo, senzele ububele nenceba,njengoko kaloku sithembele kuwe.
2026 Julayi 4, Mgqibelo
Ndiyeza kwakamsinya. Yilondoloze imbo yakho. Lumka hleze ixhwilwe imbasa yakho.2026 Julayi 3, Lwesihlanu
Isono masinganilawuli, kuba anikho phantsi komthetho, niphantsi kobabalo lwesisa sikaThixo.2026 Julayi 2, Lwesine
Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.
2026 Julayi 1, Lwesithathu
Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”