DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Juni 2026

2026 Juni 30, Lwesibini

Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.

2026 Juni 29, Mvulo

Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

2026 Juni 28, Cawe

Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

2026 Juni 27, Mgqibelo

Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.

2026 Juni 26, Lwesihlanu

Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;
ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

2026 Juni 25, Lwesine

Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2026 Juni 24, Lwesithathu

Zinikele eNkosini uYesu; uya kusindiswa wena nosapho lwakho.

2026 Juni 23, Lwesibini

Banoyolo abo bayithobelayo imfundiso kaNdikhoyo,
abayilulamelayo ngomxhelo wabo wonke.

2026 Juni 22, Mvulo

Hayi ke bethu ubukhulu bobuhandiba bukaThixo, nobunzulu bobulumko nokwazi kwakhe! Asikuko nokuba aziphengululeki izigqibo zakhe, azilandeki iindlela zakhe!

2026 Juni 21, Cawe

Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo. Abantu bamazi uThixo ngokumaziswa nguNyana okukuphela kwakhe, yena okwanguThixo, ohlala ehleli esenyongweni kuYise.

2026 Juni 20, Mgqibelo

Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.

2026 Juni 19, Lwesihlanu

Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.

2026 Juni 18, Lwesine

Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala.

2026 Juni 17, Lwesithathu

Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,
walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

2026 Juni 16, Lwesibini

Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.

2026 Juni 15, Mvulo

Kakade nabizelwa loo nto; kaloku uKrestu waphatheka kabuhlungu ngenxa yenu, waza ngaloo ndlela wanishiya nomzekelo, ukuze nina nihambe ekhondweni lakhe.

2026 Juni 14, Cawe

Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,
ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa.

2026 Juni 13, Mgqibelo

Xa nithi nenze okulungileyo kwabanenzela okulungileyo bodwa, ninanzuzoni? Kaloku naboni benza kwaloo nto!

2026 Juni 12, Lwesihlanu

Ngubani onganenzakalisayo xa nisenza okulungileyo?

2026 Juni 11, Lwesine

Nkosi, Thixo, sithamsanqelise!
Siphumelelise kuyo yonke imizamo yethu;
ewe, yiphumelelise yonke imizamo yethu.

2026 Juni 10, Lwesithathu

Ngamandla akhe uThixo usenzele zonke izinto eziyimfuneko ebomini, ukuze siziphathe ngokwentando yakhe; nokuze sazane nalowo usibizileyo, khon' ukuze sibuxhamle ubuqaqawuli nesidima sakhe.

2026 Juni 9, Lwesibini

Qondani ngamahlungulu la. Wona akahlwayeli, engavuni nokuvuna; akanasisele, engenavimba; kanti noko uThixo uyawondla! Ke nina nibeke phi na ukuxabiseka kuneentaka!

2026 Juni 8, Mvulo

Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,
ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.

2026 Juni 7, Cawe

UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”

2026 Juni 6, Mgqibelo

Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

2026 Juni 5, Lwesihlanu

Khumbula, Ndikhoyo, inceba yakho,
nothando lwakho obukade unalo kwakudala.
Ungazikhumbuli izono zobutsha bam,
nokungathobeli kwam umthetho wakho;
kanye ndazelelele ngothando olungagungqiyo,
ngenxa yobubele bakho, Ndikhoyo.

2026 Juni 4, Lwesine

Ndiyanixelela ukuba ngokukwanjalo kuya kubakho uvuyo ezulwini nangomoni omnye oguqukayo kunamashumi alithoba anethoba lamalungisa angaswelanga nguquko.

2026 Juni 3, Lwesithathu

Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

2026 Juni 2, Lwesibini

Umntu osifihlayo isono sakhe akabi nampumelelo;
kambe ke yena osivumayo, ahlukane naso, wenzelwa inceba.

2026 Juni 1, Mvulo

Ngoko ke àbagwetywa abo bamanywe noKrestu Yesu. Kaloku ngokumanywa kwam noKrestu Yesu, uMoya umniki-bomi undikhulule ekulawulweni sisono nakukufa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Nokuthi umthande yena ngentliziyo iphela, nangengqiqo iphela, nangamandla ephela, nokuthi umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo, kungaphezulu lee kunayo yonke imibingelelo namadini atshiswayo.

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Sonke isibhalo sinefuthe loMoya kaThixo. Siyanceda ekufundiseni inyaniso nokuchitha imposiso. Siyanceda ukulungisa isimilo, sinike ingqeqesho; ukuze lowo uzinikele kuThixo abe namandla okuwuphumeza nawuphi na umsebenzi omhle.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela