DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Matshi 2013)

2013 Matshi 31, Cawe

Isithunywa sathi kubafazi abo: “Sanukoyika nina. Ndiyazi ukuba nifuna uYesu obebethelelwe emnqamlezweni. Akakho apha. Uvukile, njengoko watshoyo. Yizani apha, niyibone indawo awayekuyo.”

2013 Matshi 30, Mgqibelo

Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,
andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.

2013 Matshi 29, Lwesihlanu

Amhluba izambatho uYesu, amambathisa ezibomvu, athi, eluke isithsaba sameva, amthi jize ngaso entloko, amphathisa ingcongolo ngesandla sokunene, aza aqubuda phambi kwakhe, ahlekisa ngaye, esithi: “Aa, kumkani wamaJuda!”

2013 Matshi 28, Lwesine

Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;
kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.

2013 Matshi 27, Lwesithathu

Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.

2013 Matshi 26, Lwesibini

Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.

2013 Matshi 25, Mvulo

Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

2013 Matshi 24, Cawe

Izihlwele ezazihamba phambi koYesu nezazimlandela zazidanduluka zisithi: “Camagu! Nyana kaDavide! Makabongwe lo uzayo egameni leNkosi! Sithi: ‘Bayethe!’ kuPhezukonke!”

2013 Matshi 23, Mgqibelo

Kaloku ndiqinisekile kukuba asikuko nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, nanto zikhoyo, nanto zizayo, naziphathamandla, nanto ziphezulu, nanto zingaphantsi, nditsho nasiphi na isidalwa, esiya kuba nako ukusahlula nothando lukaThixo olukuye uKrestu Yesu, iNkosi yethu.

2013 Matshi 22, Lwesihlanu

Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

2013 Matshi 21, Lwesine

Phaphani ngoko, kuba ningàwazi umhla wokufika kweNkosi yenu.

2013 Matshi 20, Lwesithathu

Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

2013 Matshi 19, Lwesibini

Wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”

2013 Matshi 18, Mvulo

Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.

2013 Matshi 17, Cawe

Siyazi ke ukuba kuyo yonke imeko uThixo ubenzela okulungileyo abo bamthandayo, ababizwe ngokwenjongo yakhe.

2013 Matshi 16, Mgqibelo

Kaloku ilizwi likaNdikhoyo linyanisekile,
nemisebenzi yakhe yonke inyanisekile.

2013 Matshi 15, Lwesihlanu

Kodwa ke kunjengoko zitshoyo iziBhalo ukuthi:
“Izinto ezingabonwanga liso, nezingaviwanga ndlebe,
nezingathanga qatha ntliziyweni yamntu,
zezi kanye uThixo wazilungiselela abo bamthandayo.”

2013 Matshi 14, Lwesine

Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

2013 Matshi 13, Lwesithathu

Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

2013 Matshi 12, Lwesibini

Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

2013 Matshi 11, Mvulo

Baninzi phofu abaya kuthi bengabokuqala babe ngabokugqibela, nabokugqibela abaya kuba ngabokuqala.

2013 Matshi 10, Cawe

Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;
ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;
indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.

2013 Matshi 9, Mgqibelo

Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.

2013 Matshi 8, Lwesihlanu

Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.

2013 Matshi 7, Lwesine

Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.

2013 Matshi 6, Lwesithathu

Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

2013 Matshi 5, Lwesibini

Nazi ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.

2013 Matshi 4, Mvulo

Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.

2013 Matshi 3, Cawe

Ewonke amakholwa ayevana entliziyo-nye. Akukho bani wayekubanga oko anako, kuba babesabelana ngezinto zonke abanazo.

2013 Matshi 2, Mgqibelo

Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,
lowo ukholosa ngaye!
Unjengomthi otyalwe ngasemfuleni,
ongcambu zinabela emanzini.
Awoyiki naxa ilanga lishushu;
amagqabi awo ahlala eluhlaza.
Ngexesha lembalela awunaxhala;
uhlala uvelisa iziqhamo.

2013 Matshi 1, Lwesihlanu

Kaloku mnye uThixo, ukwamnye nalowo ungumxolelanisi kaThixo nomntu. NguKrestu Yesu ongumntu ncakasana.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela