DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Epreli 2013)

2013 Epreli 30, Lwesibini

Lo Yesu ngulowo zithi iziBhalo xa zithetha ngaye:
“ ‘Ilitye enalidelayo nina bakhi
laba lelona litye lesiseko.’”

2013 Epreli 29, Mvulo

Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde.

2013 Epreli 28, Cawe

Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.

2013 Epreli 27, Mgqibelo

Isono sinomvuzo: samkelisa ukufa; ke sona isipho asibabala ngaso uThixo ngokumanywa kwethu noKrestu Yesu iNkosi yethu, bubomi obungonaphakade.

2013 Epreli 26, Lwesihlanu

Kuba kaloku ilungelo lenu njengabamanywe noKrestu alipheleli ekukholweni kuye kuphela, koko lifikelela nasekubeni nive ubunzima ngenxa yakhe.

2013 Epreli 25, Lwesine

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

2013 Epreli 24, Lwesithathu

Ukuba umntwana umqeqeshile ngendlela yokuziphatha,
soze ahlukane nayo naxa selekhulile.

2013 Epreli 23, Lwesibini

Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.

2013 Epreli 22, Mvulo

Ndadanduluka kuye ndizibika;
ndandipheth' iindumiso nemibongo.

2013 Epreli 21, Cawe

Kodwa ukuphepha ukurheletya elowo makabe nowakhe umfazi, aze elowo umfazi abe neyakhe indoda.

2013 Epreli 20, Mgqibelo

Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.

2013 Epreli 19, Lwesihlanu

Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

2013 Epreli 18, Lwesine

Ndixakiwe. Ndiyakulangazelela ukufuduka ndiye kuKrestu, nto leyo ibhetele kakhulu. Kodwa ngenxa yenu kubalulekile ngaphezulu ukuba ndidle ubomi.

2013 Epreli 17, Lwesithathu

Nina makhosikazi, bathobeleni ngokuzinikela abayeni benu, kuba yimfanelo yenu yobuKrestu leyo.
Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi ngqwabalala.

2013 Epreli 16, Lwesibini

Kodwa kungenxa yesi sizathu kanye ukuba uThixo andenzele inceba, ukuze umonde kaKrestu Yesu ubonakale ngokupheleleyo ngam. Undibizile, nangona ndingobalaseleyo nje umoni, ukuze ndibe ngumzekelo kubo bonke abasaza kukholwa kuye bafumane obona bomi bungenasiphelo.

2013 Epreli 15, Mvulo

Ke iNkosi ayikubambezeli ukuzalisekiswa kwesithembiso esenzileyo, njengoko abanye baba kunjalo. Nto nje ininyamezele kuba ingafuni kutshabalale mntu. Koko ifuna wonke ubani afumane ithuba lokuguquka.

2013 Epreli 14, Cawe

Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

2013 Epreli 13, Mgqibelo

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

2013 Epreli 12, Lwesihlanu

Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.

2013 Epreli 11, Lwesine

Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.

2013 Epreli 10, Lwesithathu

Kodwa ke uThixo onceba inkulu, ngenxa yendlela asithanda ngayo, usidlise ubomi kunye noKrestu, naxa besinjengabafileyo nje ngenxa yezono zethu. Kambe ke nakhululwa ngenxa yesisa sikaThixo.

2013 Epreli 9, Lwesibini

Bufana nomzali kubantwana
ububele bukaNdikhoyo kwabamnik' imbeko.

2013 Epreli 8, Mvulo

Obo bulumko ke buvela kuNdikhoyo uSomandla-onke;
kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,
ngenene yena ubalasele ngobulumko.

2013 Epreli 7, Cawe

Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza.

2013 Epreli 6, Mgqibelo

Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.

2013 Epreli 5, Lwesihlanu

Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.
UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.

2013 Epreli 4, Lwesine

Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.

2013 Epreli 3, Lwesithathu

Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.

2013 Epreli 2, Lwesibini

Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni.

2013 Epreli 1, Mvulo

Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela