DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Meyi 2013)

2013 Meyi 31, Lwesihlanu

UYesu ke wabhekisa kubo bonke wathi: “Osukuba ethanda ukundilandela makazincame, awuthwale umnqamlezo wakhe imihla ngemihla, andilandele.”

2013 Meyi 30, Lwesine

Ndawo yokuqala ndazigqithisela kuni ezona ndawo ndazamkelayo, ezi zokuba uKrestu wafela izono zethu, ngokutsho kweziBhalo, nokuba wangcwatywa, nokuba wavuka ekufeni ngomhla wesithathu, ngokweziBhalo.

2013 Meyi 29, Lwesithathu

Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.

2013 Meyi 28, Lwesibini

NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo.

2013 Meyi 27, Mvulo

Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

2013 Meyi 26, Cawe

Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.

2013 Meyi 25, Mgqibelo

Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.

2013 Meyi 24, Lwesihlanu

“Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,
neendlela zenu azifani nezam,”
utsho yena uNdikhoyo!

2013 Meyi 23, Lwesine

“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

2013 Meyi 22, Lwesithathu

Kaloku besikade siziintshaba noThixo, saxolelaniswa naye ngokufa koNyana wakhe. Kobeka phi ke ukusindiswa kwethu ngokudla kwakhe ubomi!

2013 Meyi 21, Lwesibini

Ndikholosa ngawe usemazulwini;
ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.

2013 Meyi 20, Mvulo

Kaloku umntu ukholwa ngentliziyo, aze abe lilungisa phambi koThixo; uvuma ngomlomo, aze asindiswe.

2013 Meyi 19, Cawe

Ukuba uthe wavuma ngomlomo ukuba uYesu yiNkosi, wakholwa nangentliziyo ukuba uThixo wamvusa kwabafileyo, wosindiswa.

2013 Meyi 18, Mgqibelo

Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.

2013 Meyi 17, Lwesihlanu

Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph' ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.

2013 Meyi 16, Lwesine

Esi sisizathu esibangela ukuba abe nako ukubasindisa ngokupheleleyo abo beza ngaye kuThixo, njengoko ehlala ehleli ebathethelela.

2013 Meyi 15, Lwesithathu

Kuba iziBhalo zithi:
“Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo,
zimdumise uThixo zonke iilwimi.”

2013 Meyi 14, Lwesibini

Khumbulani ixabiso enakhululwa ngalo kwintlalo ebingento yookhokho benu. Anihlawulelwanga nganto itshitshayo, ifana nesiliva negolide. Nahlawulelwa ngegazi elixabisekileyo leXhwane elinguKrestu ongenasisihla nasiphako.

2013 Meyi 13, Mvulo

Kaloku yena uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.

2013 Meyi 12, Cawe

Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.

2013 Meyi 11, Mgqibelo

Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;
ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

2013 Meyi 10, Lwesihlanu

Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.

2013 Meyi 9, Lwesine

Ngoko ke ayisendim ophilayo, nguKrestu ophilayo kum. Ubomi ke endibudlayo ngoku ndimanywe noNyana kaThixo, ndibudla ngokholo kulowo wandithandayo, wabuncama obakhe ubomi ngenxa yam.

2013 Meyi 8, Lwesithathu

Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.

2013 Meyi 7, Lwesibini

Kaloku udaba lokufa kukaKrestu emnqamlezweni okunene lububudenge kwabatshabalalayo, kodwa kuthi, thina basindiswayo, lungamandla kaThixo.

2013 Meyi 6, Mvulo

Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.

2013 Meyi 5, Cawe

Ngoko ke zivumeni izono omnye komnye, nithandazelane, khon' ukuze ninyangeke. Kaloku umthandazo womntu olungileyo unamandla angummangaliso.

2013 Meyi 4, Mgqibelo

Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.

2013 Meyi 3, Lwesihlanu

Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

2013 Meyi 2, Lwesine

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

2013 Meyi 1, Lwesithathu

Ezi zipho zisisiqinisekiso sezinto ezinkulu nezimangalisayo asenzela zona: uThixo usenza sibe nenxaxheba kubomi bakhe, sikuphephe ukonakaliswa lihlabathi elikhohlakeleyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke ukuba kukho bani uswele ubulumko, makabucele kuThixo. UThixo onobubele nesisa kubo bonke abantu, womnika.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela