DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2013)

2013 Februwari 28, Lwesine

Nangona wayengenasono uKrestu, kodwa ngenxa yethu, uThixo wamenza wanenxaxheba kwisono sethu, ukuze thina sithi ngokumanywa naye sibe nenxaxheba ebulungiseni bukaThixo.

2013 Februwari 27, Lwesithathu

Kanti ngenene buthwelwe nguye ubuthathaka bethu,
inkxwaleko yethu yâsemagxeni akhe.
Ngenene thina besiba ubandezelekile,
sisithi uyabethwa nguThixo.

2013 Februwari 26, Lwesibini

Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;
ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe.

2013 Februwari 25, Mvulo

Hoyina, Sirayeli! UNdikhoyo nguThixo wethu, uNdikhoyo yedwa qwaba! Ngoko ke mthande uNdikhoyo uThixo wakho ngomxhelo wakho wonke, nangomoya wakho wonke, ngokunjalo nangamandla akho onke.

2013 Februwari 24, Cawe

Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

2013 Februwari 23, Mgqibelo

Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.

2013 Februwari 22, Lwesihlanu

Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

2013 Februwari 21, Lwesine

Umntu oxunela ubulungisa nenceba
ufumana ubomi nobulungisa nodumo.

2013 Februwari 20, Lwesithathu

Nantsi ke into endithetha yona kuni: Ukuba nikhokelwa nguMoya kaThixo, aniyi kuzenza izinto ezinqwenelwa sisimo esidala.

2013 Februwari 19, Lwesibini

Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;
okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.

2013 Februwari 18, Mvulo

Quqelani kokulungileyo, ingekuko okubi,
khon' ukuze niphile,
naye uNdikhoyo, uThixo onamandla onke, abe phakathi kwenu,
njengoko nizingca ngaloo nto.

2013 Februwari 17, Cawe

Ngako ke finyezani umbhinqo, nibaze iingqondo, ningathembi nanye into ngaphandle kwesisa seentsikelelo eziza kuza noYesu ukufika kwakhe.

2013 Februwari 16, Mgqibelo

Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.

2013 Februwari 15, Lwesihlanu

Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.

2013 Februwari 14, Lwesine

Akuba umntu emanywe noKrestu uba yindalo entsha – isimo esidala yinto yezolo, sekuqaleke isimo esitsha.

2013 Februwari 13, Lwesithathu

Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

2013 Februwari 12, Lwesibini

Uthi ungawanyathela amalahle avuthayo
zize zingatshi iinyawo zakho?

2013 Februwari 11, Mvulo

Sanukusebenzela ukutya okuphelayo; sebenzelani ukutya okungapheliyo, okusisondlo sobona bomi bungenasiphelo. Oko kutya niya kukunikwa nguye uNyana woLuntu, kuba uYise, uThixo, wamgunyazisela oko.

2013 Februwari 10, Cawe

Khon' ukuze ndinihambele ngovuyo ngemvume kaThixo, sichwayitisane.

2013 Februwari 9, Mgqibelo

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.

2013 Februwari 8, Lwesihlanu

Ndobahlaziya abatyhafileyo, ndibondle abafa yindlala.

2013 Februwari 7, Lwesine

Ulobhotwe lakhe lakhiw' ezulwini,
amis' uphahla lwesibhakabhaka phezu komhlaba;
ulobiz' amanz' olwandle awagalele phezu komhlaba –
nguNdikhoyo igama lakhe.

2013 Februwari 6, Lwesithathu

Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.

2013 Februwari 5, Lwesibini

Lowo utya konke makangamdeli ozila ukutya okuthile, nalowo uzila ukutya okuthile makangamgwebi otya konke, kuba uThixo umamkele.

2013 Februwari 4, Mvulo

Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.

2013 Februwari 3, Cawe

Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”

2013 Februwari 2, Mgqibelo

Apho kungekho kucebisana izicwangciso ziyabhanga,
kanti ke apho kukho abacebisi abaninzi ziyaphumelela.

2013 Februwari 1, Lwesihlanu

Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”
Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Usindiso lufumaneka ngaye kuphela, kuba akukho wumbi emhlabeni ogama uThixo alinike uluntu, esingasindiswa ngalo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

InguNdikhoyo nje ondalusayo,
ndingaswela ntoni na?
Nguye ondikhaphelela kumadlelo aluhlaza,
andikhokelele kwimilambo empompozayo.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela