DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2013)

2013 Janyuwari 31, Lwesine

Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.

2013 Janyuwari 30, Lwesithathu

Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.

2013 Janyuwari 29, Lwesibini

Ndithi andisobe ndizitshabalalise ngemvula kwakhona izinto eziphilayo. Ilizwe alisobe liphinde lipheliswe ngemvula. Ngumnqophiso wam lowo.

2013 Janyuwari 28, Mvulo

Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”

2013 Janyuwari 27, Cawe

Kufana nomgibe emntwini xa enikezele ngento kuNdikhoyo buphuthu-phuthu,
aze kamva acinge ngenye indlela ngezibhambathiso zakhe.

2013 Janyuwari 26, Mgqibelo

Síthini na ke ngoko? Síhlale sihleli esonweni ukuze ubabalo lwande? Nakanye! Thina kaloku safa kuso isono. Singathini ke ukuba siqhubele phambili sisona?

2013 Janyuwari 25, Lwesihlanu

Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo,
ndaye ndifuna yona kanye:
le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam,
ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe.

2013 Janyuwari 24, Lwesine

Kodwa ke iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.

2013 Janyuwari 23, Lwesithathu

Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.

2013 Janyuwari 22, Lwesibini

Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.

2013 Janyuwari 21, Mvulo

Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,
kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.

2013 Janyuwari 20, Cawe

Lo unika obu bungqina uthi: “Nanjani na ndiza kufika ngokukhawuleza!”
Makube njalo! Yiza, Nkosi Yesu!

2013 Janyuwari 19, Mgqibelo

Aa! Bayethe, Mhlekazi!
Hayi uyolo lomntu omthobelayo uNdikhoyo,
oyilangazelelayo imiyalelo yakhe.

2013 Janyuwari 18, Lwesihlanu

Bathi bebonke bavume bengafihlisi
ukuba uYesu Krestu yiNkosi,
bebonakalisa ubungangamsha bukaThixo onguBawo.

2013 Janyuwari 17, Lwesine

Ubutyebi obufumaneka bumini buphuncuka lula;
obufumaneka ngendlela ecothayo buya busanda ngokwanda.

2013 Janyuwari 16, Lwesithathu

Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.

2013 Janyuwari 15, Lwesibini

Unethamsanqa umntu onika ngesisa,
lowo ungayiqhubi ngobuqhetseba imicimbi yakhe.

2013 Janyuwari 14, Mvulo

Izono zethu wazithathela kuye siqu, waxhonywa nazo emnqamlezweni, khon' ukuze thina siyeke ukuphilela ukona, koko siphilele ukulungisa. Ninyangwe ngamanxeba akhe.

2013 Janyuwari 13, Cawe

InguNdikhoyo nje ondikhanyiselayo,
inguye nje ondisindisayo, ndingoyika ntoni?
InguNdikhoyo nje inqaba yam, ndingoyika bani?

2013 Janyuwari 12, Mgqibelo

Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.

2013 Janyuwari 11, Lwesihlanu

Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.

2013 Janyuwari 10, Lwesine

Ubabalo lweNkosi uYesu maluhlale kuni nonke.

2013 Janyuwari 9, Lwesithathu

Ngenxa yokuba ababelekisi bemoyika uThixo, uThixo wabavuza ngeentsapho.

2013 Janyuwari 8, Lwesibini

Phofu ke, nokuba ningatshutshiswa ngenxa yokwenza okulungileyo, ikwalithamsanqa naloo nto. Ze ningoyiki nina, ningaxhali nokuxhala oku.

2013 Janyuwari 7, Mvulo

Ilungisa alisoze ligungqe,
laye lingasoze lilibaleke.

2013 Janyuwari 6, Cawe

Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango.

2013 Janyuwari 5, Mgqibelo

Mawethu, ukuba kukho mntu nimbhaqe esona, nina balawulwa nguMoya mfakeni endleleni; kodwa loo nto niyenze ngobulali, nizilumkele nina ziqu, hleze nani nilingeke.

2013 Janyuwari 4, Lwesihlanu

Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

2013 Janyuwari 3, Lwesine

Ngokunjalo ke noKrestu wanikelwa kwaba kanye ukuze athwale izono zabaninzi. Okwesibini uya kufika engenanto yakwenza nesono, koko eze kusindisa abo bamlindeleyo.

2013 Janyuwari 2, Lwesithathu

Ezithathile ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, ukhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza, wamana enika abafundi bakhe ukuba babele isihlwele. Badla ke bahlutha bonke, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.

2013 Janyuwari 1, Lwesibini

Ewe, hambani ngokwemimiselo yonke kaNdikhoyo uThixo wenu, khon' ukuze nizinze kwelo lizwe ningena kulo, nixhamle intlala-kahle nide nikhokhobe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela