DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Julayi 2024)

2024 Julayi 31, Lwesithathu

Khumbulani kaloku ukuba uNdikhoyo uThixo wenu lo nguThixo ekukuphela kwakhe, kungekho wumbi ngaphaya; futhi ke uthembekile. Uyawugcina umnqophiso wakhe, futhi izibele zakhe ziphuphumela kwâbo bamthandayo beyigcina imiyalelo yakhe kuse kumawaka ezizukulwana.

2024 Julayi 30, Lwesibini

UNdikhoyo utsho ukuthi:
“Mna ndingulowo ukuthuthuzelayo;
ngani ke ukuba woyike umntu –
into evuthuluka njengengca?”

2024 Julayi 29, Mvulo

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu, nothando lukaThixo, nobudlelane boMoya oyiNgcwele, maluhlale nani nonke.

2024 Julayi 28, Cawe

Uze ungabulali, uze ungakrexezi, uze ungebi, uze ungangqini buxoki, beka uyihlo nonyoko, uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.

2024 Julayi 27, Mgqibelo

Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;
liyandikhanyisela eluhambeni.

2024 Julayi 26, Lwesihlanu

Kuba kaloku uNdikhoyo uThixo wenu unesisa novelwano. Akasayi kunifulathela ukuba nibuyela kuye.

2024 Julayi 25, Lwesine

Wathi kubo uYesu: “Ndim isonka sobomi. Ozayo kum akasoze alambe, nokholwayo kum akasoze anxanwe.”

2024 Julayi 24, Lwesithathu

Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho.

2024 Julayi 23, Lwesibini

Ukuba ninolangazelelo, uThixo uyawamkela umnikelo wenu. Kaloku uThixo ufuna umntu aphe ngokobungakanani bezinto anazo, ingebubo obezinto angenazo.

2024 Julayi 22, Mvulo

Kodwa kodwa kuxa ndingubani mna, beyintoni bona aba bantu bam, ukuba singade sibe nako ukukwenzela izinwe ngolu hlobo? Kaloku yonke into iphuma kuwe, ngoko ke nangoku sikunika kwaoko kuphuma esandleni sakho.

2024 Julayi 21, Cawe

Obo buncinanana linabo ilungisa,
bungcono kunentaphane ezinayo izikrelemnqa,
kuba uya kuzaphul' iimpondo uNdikhoyo izikrelemnqa,
awenzelelele wona amalungisa.

2024 Julayi 20, Mgqibelo

Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.”

2024 Julayi 19, Lwesihlanu

Khaniqwalasele iintaka. Azihlwayeli, azivuni, azigcini siseleni, kanti uYihlo osezulwini uyazondla. Ke, kungakanani na ukuxabiseka kwenu kunazo!

2024 Julayi 18, Lwesine

Isiseko sobulumko kukuthobela uNdikhoyo,
kambe ke zona izityhakala zibujongele phantsi ubulumko nengqeqesho.

2024 Julayi 17, Lwesithathu

Kuba xa simanyene noKrestu, ukwaluka nokungaluki akubalulekanga, into ebalulekileyo lukholo olucaciswa luthando.

2024 Julayi 16, Lwesibini

Uxolo eniluphiwa nguKrestu malube lulo olugweba iintliziyo zenu, kuba uThixo wanibizela kolu xolo ukuze nibe ngamalungu omzimba omnye. Phuphumani ke ngumbulelo.

2024 Julayi 15, Mvulo

Kaloku uNdikhoyo uyakuthanda okulungileyo;
akayi kubafulathela abantu bakhe.
Wasoloko ebakhusela uNdikhoyo,
kodwa yona inzala yamatshijolo iyanqunyulwa.

2024 Julayi 14, Cawe

Akwaba bebeya kusoloko benezimvo ezinje! Akwaba bebeya kuhlala bendihlonipha bayithobele imiyalelo yam, khon' ukuze balungelwe bona nezizukulwana zabo naphakade.

2024 Julayi 13, Mgqibelo

Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!

2024 Julayi 12, Lwesihlanu

Bamele ubabonelele ngokwasemthethweni;
ncedisana nabo abahlelelekileyo nabasweleyo.

2024 Julayi 11, Lwesine

Ke yena wathi: “Yithi kanye: unoyolo lowo ulivayo ilizwi likaThixo alenze.”

2024 Julayi 10, Lwesithathu

Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.

2024 Julayi 9, Lwesibini

Kambe ke, ngeny' imini, Ndikhoyo,
luya kubalasela uthando lwakho.
Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,
ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.

2024 Julayi 8, Mvulo

Ndifuna bahlale bomelele, bemanyene ngothando, ukuze bafikelele ekuqinisekeni ngokupheleleyo ngengqondo, beyiqiqa imfihlelo kaThixo. Loo mfihlelo ke nguKrestu ngenkqu.

2024 Julayi 7, Cawe

Ngalinye ke, zintathu izinto eziya kuhlala zihleli: lukholo, nethemba, nothando. Engaphezu kwazo zonke ke luthando.

2024 Julayi 6, Mgqibelo

Bukwanjalo ukuyola kobulumko:
ukuba uthe wabufumana lotsho liqiniseke ikamva lakho,
nethemba lakho linganqanyulwa.

2024 Julayi 5, Lwesihlanu

Kuba siphila ngokukholwa, kungekuko ngezinto esizibonayo.

2024 Julayi 4, Lwesine

Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.

2024 Julayi 3, Lwesithathu

UNdikhoyo ngumkhuseli wabahambi nabangeneleli,
umxhasi wabahlolokazi neenkedama.
Ke bona abakhohlakeleyo uyabatshabalalisa.

2024 Julayi 2, Lwesibini

Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana.

2024 Julayi 1, Mvulo

Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Mhlobo oyintanda, ndithandazela ukuba konke kube hele, kube chosi kuwe, nanjengoko ndisazi ukuba kunjalo nasemphefumlweni wakho.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela