DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Agasti 2024)

2024 Agasti 31, Mgqibelo

Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.

2024 Agasti 30, Lwesihlanu

Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’

2024 Agasti 29, Lwesine

Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi.

2024 Agasti 28, Lwesithathu

Andizanga kubiza malungisa, ndize kubiza aboni, ukuba baguquke.

2024 Agasti 27, Lwesibini

Ngoko ke sazila sakhunga kuThixo wethu ngalo mbandela, waza wawuphendula umthandazo wethu.

2024 Agasti 26, Mvulo

UThixo wethu usemazulwini;
yena wenza loo nto ayithandayo.

2024 Agasti 25, Cawe

UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo kufuneka bamnqule ngoMoya benyanisekile.

2024 Agasti 24, Mgqibelo

Ngoko ke asilangazeleli zinto zibonwayo, silangazelela ezingabonwayo. Kaloku ezibonwayo izinto zezexeshana nje, kanti ezingabonakaliyo ziya kuhlala zihleli.

2024 Agasti 23, Lwesihlanu

Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.

2024 Agasti 22, Lwesine

Uthando aluvuyiswa bububi, luvuyiswa yinyaniso. Uthando aluncami; lukholwa zizinto zonke, luthemba izinto zonke, lunyamezela izinto zonke.

2024 Agasti 21, Lwesithathu

Ndingade ndibe naso nesiphiwo sokushumayela ngefuthe, ndinalo lonke ulwazi, ndizazi nezinto ezingàziwa mntu, ndinalo nokholo olugungqisa iintaba, kodwa ndingenalo uthando, andinto konke!

2024 Agasti 20, Lwesibini

Kaloku yeyomzuzwana ingqumbo yakhe;
ukanti buhlala buhlel' ububele bakhe.
Ewe, zibakho zon' iinzingo ebusuku,
kodwa kusasa kuba yimincili yodwa.

2024 Agasti 19, Mvulo

Musani ukuba natyala lanto mntwini, lingelilo elokuthandana. Kaloku omthandayo omnye uwuthobele ngokupheleleyo umthetho.

2024 Agasti 18, Cawe

Unoyolo lowo uzinyamezelayo izilingo, kuba kaloku, lakudlula uvavanyo, uya kuzuza umvuzo obubomi uThixo abuthembise abo bamthandayo.

2024 Agasti 17, Mgqibelo

Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;
isono sakho sithe shwaka okwenkungu.
Buyela kum; ndim umkhululi wakho.

2024 Agasti 16, Lwesihlanu

Kaloku nathi sinobudlelane noKrestu, xa sinamathele kwada kwasekupheleni kwisivumo sethu.

2024 Agasti 15, Lwesine

Nina madoda, bathandeni abafazi benu, kanye ngale ndlela alithande ngayo uKrestu ibandla, waza wanikela ngobomi bakhe ngenxa yalo. Le nto uyenze ukuze libe libango lakhe ibandla. Ulicocile walihlamba ngamanzi ngamandla elizwi lakhe.

2024 Agasti 14, Lwesithathu

Kuba wena, Nkosi, ulungile, uyaxolela;
uphuphuma luthando kwabo bakholosa ngawe.

2024 Agasti 13, Lwesibini

Yena kaloku akambandezanga owakhe uNyana, koko usuke wamnikela ngenxa yethu sonke. Angathini ke ukungasibabali asiphe zonke ezinye izinto?

2024 Agasti 12, Mvulo

Bâthetha ngaye bonke abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.

2024 Agasti 11, Cawe

Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;
kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo.

2024 Agasti 10, Mgqibelo

Ningazikhohlisi! UThixo akanakwenziwa isidenge ngumntu. Umntu uya kuvuna kanye loo nto ayihlwayeleyo.

2024 Agasti 9, Lwesihlanu

Wathi ke kubo: “Hambani niye kulo lonke ihlabathi, nizivakalise iindaba ezimnandi kulo lonke elimiweyo.”

2024 Agasti 8, Lwesine

Ulogxoth' izono zithi qelele kuthi
njengempumalanga nentshonalanga.

2024 Agasti 7, Lwesithathu

Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.

2024 Agasti 6, Lwesibini

Kaloku ndagqiba kwelokuba ndingazi nto phakathi kwenu, ingenguye uYesu Krestu, naye ke ebethelelwe emnqamlezweni.

2024 Agasti 5, Mvulo

Khanizicoce nibe nyulu!
Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo;
yekani ukwenza izinto ezinje;
mandingaze ndiphinde ndizibone.

2024 Agasti 4, Cawe

Yahlukanani nemikhwa emibi nehambo engcolileyo. Mlulameleni uThixo, namkele ilizwi lakhe alifake kuni ezintliziyweni. Lilo elinamandla okunisindisa.

2024 Agasti 3, Mgqibelo

Njengoko nimanywe noYesu Krestu izimvo zenu mazifane nezakhe.

2024 Agasti 2, Lwesihlanu

Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,
wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

2024 Agasti 1, Lwesine

Abo ndibathandayo ndiyabakhalimela ndibohlwaye. Ngoko ke zimisele, uguquke.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,
nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela