DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Septemba 2024)

2024 Septemba 30, Mvulo

Kuba: “Lowo uzibika ebiza igama leNkosi wosindiswa.”

2024 Septemba 29, Cawe

Kodwa ke iziBhalo ngokwazo zithi ihlabathi liphela lilawulwa sisono. Ngale ndlela ke isithembiso sifumaneka ngokholo kuYesu Krestu, futhi ke sizuzwa ngâbo bakholwayo bodwa.

2024 Septemba 28, Mgqibelo

Likwanjalo ke nelizwi endilithethayo:
alibuyi lilambatha,
koko liyawufezekisa umnqweno wam,
liliqaqambise icebo lam.

2024 Septemba 27, Lwesihlanu

Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.

2024 Septemba 26, Lwesine

Kufanelekile ukuba simbulele uThixo ngawo onke amaxesha ngenxa yenu, mawethu. Ewe, kulunge kanye ukuba simbulele ngenxa yokuba ukholo lwenu luya lusanda ngokwanda. Yaye nokuthandana kwenu kuya kukhula ngakumbi nangakumbi.

2024 Septemba 25, Lwesithathu

Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.

2024 Septemba 24, Lwesibini

Njengamakholwa aseziintsana langazelelani ubisi olungangxengwanga: ndixela ilizwi likaThixo eliya kunikhulisa nide nisindiswe.

2024 Septemba 23, Mvulo

Banoyolo abo bazilahlela kuThixo, kuba balawulwa nguThixo bona!

2024 Septemba 22, Cawe

Obugubungelayo ubugwenxa uzicengezelela ukuthandwa,
kodwa lowo umana ewunokoza umcimbi uchitha ubuhlobo.

2024 Septemba 21, Mgqibelo

Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.

2024 Septemba 20, Lwesihlanu

Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.

2024 Septemba 19, Lwesine

Makahlukane nobubi, enze okulungileyo;
makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

2024 Septemba 18, Lwesithathu

Waphinda wathi kubo uYesu: “Uxolo malube nani. Njengokuba uBawo endithumile mna, nani ndiyanithuma.”

2024 Septemba 17, Lwesibini

Anendili amazwi aphuma emlonyeni wesilumko,
ukanti ke sona isityhakala sizitshabalalisa ngemilebe yaso.

2024 Septemba 16, Mvulo

Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

2024 Septemba 15, Cawe

Ndiya kufaka uMoya wam kuni, nitsho nilulamele imimiselo yam, niyigcine ngononelelo imithetho yam.

2024 Septemba 14, Mgqibelo

Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye.
Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni,
khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke.

2024 Septemba 13, Lwesihlanu

Uncedo lwethu luvela kuNdikhoyo
ongumdali wamazulu nehlabathi.

2024 Septemba 12, Lwesine

Indlu nganye inomakhi wayo, kodwa ke nguThixo umseki wazo zonke izinto.

2024 Septemba 11, Lwesithathu

Yilumkeleni indlela eniziphatha ngayo phambi kwabo bangakholwayo, nilisebenzise kakuhle ithuba eninalo. Incoko yenu mayisoloko imnandi, inika umdla. Fundani ukucebisana kakuhle nomntu ngamnye enidibana naye.

2024 Septemba 10, Lwesibini

Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.

2024 Septemba 9, Mvulo

Bawo, wena akuxakwa nto. Yisuse kum le ntlungu. Noko ke, makungabi kokuthandwa ndim, makube kukuthanda kwakho.

2024 Septemba 8, Cawe

Ndanelisekile ke ngoko nokuba ndibuthathaka, nokuba ndiyagxekwa, nokuba nditsala nzima, nditshutshiswa, ndithwala iimbandezelo ngenxa kaKrestu. Kuba xa ndibuthathaka, kuxa kanye ndinamandla.

2024 Septemba 7, Mgqibelo

Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;
zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

2024 Septemba 6, Lwesihlanu

Ubabalo lweNkosi uYesu Krestu maluhlale nani nonke.

2024 Septemba 5, Lwesine

Wanga ke uThixo, osinika unyamezelo nenkuthazo, anganenza nibe moya mnye ngokwentando kaKrestu Yesu.

2024 Septemba 4, Lwesithathu

Ewe, ngaloo mini niya kusuka nithi:
“Masidomboze sibulele uNdikhoyo;
ewe, masiqambe sinqule igama lakhe.
Imisebenzi yakhe masiyibhengeze ezizweni;
masishumayele sibuxele ubukhulu bakhe.”

2024 Septemba 3, Lwesibini

Lowo ukholwayo abhaptizwe wosindiswa; ke yena ongakholwayo wogwetywa.

2024 Septemba 2, Mvulo

Lukholo ke olunenze nangoonyana bakaThixo ngokumanywa noYesu Krestu. Nonke nina babhaptiziweyo nimanywe noKrestu; ngoko ke nambethe uKrestu.

2024 Septemba 1, Cawe

UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ithembekile yona kambe iNkosi. Yonikhusela inigcine kuhlaselo lwendoda enobuqhokolo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela