2024 Okthoba 31, Lwesine
Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;wokunika umnqweno wentliziyo yakho.
2024 Okthoba 30, Lwesithathu
Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.2024 Okthoba 29, Lwesibini
Kaloku yena uNyana woLuntu wezela ukufuna kwanokusindisa abantu abalahlekileyo.2024 Okthoba 28, Mvulo
Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.
2024 Okthoba 27, Cawe
‘Buyelani kum,’ nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo onamadla onke, ‘nam ke ndobuyela kuni,’ utsho uNdikhoyo onamandla onke.2024 Okthoba 25, Lwesihlanu
Uthembekile, Ndikhoyo, kwabo bathembekileyo;ubenzela ububele abo bandlela zithe tse.
2024 Okthoba 24, Lwesine
Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.2024 Okthoba 23, Lwesithathu
Naxa nithandazayo, ukuba ninendawo ngakubani, mxoleleni, ukuze noYihlo osezulwini anixolele iziphoso zenu.2024 Okthoba 22, Lwesibini
Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.
2024 Okthoba 21, Mvulo
Nangona sineenzingo, sihlala sichwayitile. Ngathi singamahlwempu, ukanti abaninzi batyeba ngathi; ngathi singabasweleyo, kanti siphuphuma izinto zonke.2024 Okthoba 20, Cawe
Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.2024 Okthoba 19, Mgqibelo
Hay' inyhweba yomntu omthobelayo uNdikhoyo,ohamba ngokwemimiselo yakhe.
2024 Okthoba 18, Lwesihlanu
Akukho nto indonwabisa njengokuva ukuba abantwana bam bahlala bethe ngcembe enyanisweni.2024 Okthoba 17, Lwesine
Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.2024 Okthoba 16, Lwesithathu
Funani uNdikhoyo esenokufumaneka;bhenelani kuye ngoku asekufutshane.
2024 Okthoba 15, Lwesibini
Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.2024 Okthoba 14, Mvulo
Niya kuthi ke nakumfuna uNdikhoyo uThixo wenu nikuloo meko nimfumane; ewe, ukuba nimfuna nimlangazelela ngomxhelo wenu wonke niya kumfumana.2024 Okthoba 13, Cawe
Ngenene uThixo uyasithamsanqela;ngamana lamthobela ihlabathi jikelele.
2024 Okthoba 12, Mgqibelo
Niyiphilise imilwelwe elapho, nithi kubo: ‘Luthwasile ulawulo lukaThixo!’2024 Okthoba 11, Lwesihlanu
UYesu wayelityhutyha lonke elaseGalili, efundisa ezindlwini zesikhungo, evakalisa iindaba ezimnandi zolawulo lukaThixo, ephilisa abantu kwizifo zonke nemikhuhlane yonke.2024 Okthoba 10, Lwesine
Igama elihle lilungile ngaphezu kwentabalala yobutyebi;ukuba nesidima kungaphezu kwayo isiliva negolide.
2024 Okthoba 9, Lwesithathu
Noko ke sanukuvuyela ukoyisa kwenu iindimoni, vuyani kuba amagama enu ebhaliwe kwaThixo.2024 Okthoba 8, Lwesibini
Isidima nobutyebi ziphuma kuwe;wena ungumlawuli weento zonke.
Kulapho kwezo zandla zakho ukomelela ndawonye namandla.
Xa bebonke ubanike ubukhulu namandla.
2024 Okthoba 7, Mvulo
Amazulu abalisa ngobungangamsha bukaThixo,nesibhakabhaka sixela umsebenzi wezandla zakhe.
Imini ixelela imin' elandelayo,
nobusuku bubikela ubusuk' obulandelayo.
2024 Okthoba 6, Cawe
Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.2024 Okthoba 5, Mgqibelo
Kuba kaloku komnceda ntoni umntu, ukuba uthe walizuza ihlabathi liphela, kodwa walahlekelwa bubomi bakhe?2024 Okthoba 4, Lwesihlanu
Umntu onomonde uba nengqiqo;kambe ke yena ocaphuka msinya usuka enze ubudenge.
2024 Okthoba 3, Lwesine
Ukanti ke yona iNkosi uNdikhoyo ayenzi nto ingathanga ilityhile icebo layo kwizicaka zayo abashumayeli.2024 Okthoba 2, Lwesithathu
Ze nikhumbule le ndawo ke, zihlobo zam: umhla omnye kuThixo uyafana newaka leminyaka, newaka leminyaka lifana nomhla omnye.2024 Okthoba 1, Lwesibini
Ndiya kukuncoma, Thixo ongukumkani wam;igama lakho ndolibonga nanini nanini.
Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.