DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Novemba 2024)

2024 Novemba 30, Mgqibelo

Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;
mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,
nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla.

2024 Novemba 29, Lwesihlanu

Ndafumanisa ukuba into eyenza abantu babulaleke bazabalaze kangaka kukuxhalela abamelwane. Kambe ke naleyo ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

2024 Novemba 28, Lwesine

Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.

2024 Novemba 27, Lwesithathu

Khawuncede usisindise, Thixo wethu,
ngenxa yesidima segama lakho.
Sihlangule usixolele amatyala ethu ngenxa yegama lakho.

2024 Novemba 26, Lwesibini

Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.

2024 Novemba 25, Mvulo

Hayi ubukhulu bothando lukaThixo uYise kuthi! Uthando lwakhe lukhulu kangangokuba ude athi uThixo singabantwana bakhe. Kambe ke singabo ngenene. Yiyo loo nto lingasiqondi nje ihlabathi; noThixo kaloku alimazi.

2024 Novemba 24, Cawe

Umntu ongaqiqiyo akayikhathalele imfundiso kayise;
kambe ke yena ozamkelayo iziluleko unengqondo.

2024 Novemba 23, Mgqibelo

Thwalisanani ubunzima; xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.

2024 Novemba 22, Lwesihlanu

Nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando.

2024 Novemba 21, Lwesine

Ngubani loo Ngangalala yoKumkani?
NguNdikhoyo onamandla onke;
nguye uKumkani, nguye iNgangalala.

2024 Novemba 20, Lwesithathu

UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”

2024 Novemba 19, Lwesibini

Ezi ndaba zimnandi zolawulo lukaThixo ziya kushunyayelwa kulo lonke ihlabathi, zibe bubungqina kuzo zonke iintlanga, size ke sifike isiphelo.

2024 Novemba 18, Mvulo

Umsindo kaNdikhoyo uza kade,
kodwa ke yena ngumandla-makhulu.
Umntu owonileyo akaphuncuki kwisohlwayo sakhe.
Indlela yakhe sisivungu-vungu noqhwithela;
amafu luthuli lweenyawo zakhe.

2024 Novemba 17, Cawe

Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.

2024 Novemba 16, Mgqibelo

Kuba othe wabukokosa ubomi bakhe, wolahlekelwa bubo; kodwa othe wabuncama ubomi bakhe ngenxa yam, wobusindisa.

2024 Novemba 15, Lwesihlanu

Ukuhlonela uNdikhoyo kufundisa ubulumko;
indlela eya ewongeni yintobeko.

2024 Novemba 14, Lwesine

Hlonelani iNkosi uKrestu ehleli kuni ngaphakathi, nihlale nilungele ukuphendula nabani na onibuza ngethemba eniqamele ngalo.

2024 Novemba 13, Lwesithathu

Kuvumeni nikwamkele ukuba uNdikhoyo unguThixo wamazulu nehlabathi. Akukho Thixo wumbi ngaphandle kwakhe.

2024 Novemba 12, Lwesibini

Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangule
kumaxoki nakubakhohlisi.”

2024 Novemba 11, Mvulo

Musani ukuphazama: “Incoko embi iyasonakalisa isimilo esihle.”

2024 Novemba 10, Cawe

Hlalani nithandana okwabantu abazalanayo. Zenzeleni ububele emakhaya iindwendwe. Ngokwenjenjalo abanye abantu kwathi kanti babuka izithunywa zezulu bengaqondi.

2024 Novemba 9, Mgqibelo

Ngoko ke ndinawe, sukoyika;
ndinguThixo wakho, sukuphakuzela.
Ndiza kukomeleza ndikusize,
amandla am asindisayo akuxhase akukhusele.

2024 Novemba 8, Lwesihlanu

Musani ukuboyika abo banibulala ngokwasenyameni, kodwa bengenako ukubulala umphefumlo. Yoyikani uThixo, yena onako ukutshabalalisa umphefumlo kwanomzimba esihogweni.

2024 Novemba 7, Lwesine

Hee, mandithethe ke ngokumalunga nokutyiwa kwenyama yedini elenzelwa izithixo. Ewe, siyazi ukuba akukho nto isisithixo ehlabathini; siyazi nokuba mnye kuphela uThixo, akukho wumbi.

2024 Novemba 6, Lwesithathu

Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,
ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.

2024 Novemba 5, Lwesibini

IziBhalo zithi kuya kugqabhuka imisinga yamanzi aphilisayo embilinini walowo ukholwayo kum.

2024 Novemba 4, Mvulo

Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!

2024 Novemba 3, Cawe

Intlungu yomntu imelwe kukukhathalelwa zizihlobo zakhe,
nditsho nokuba yena selekutyeshele ukumhlonela uSomandla.

2024 Novemba 2, Mgqibelo

Yanga ingalukhulisa iNkosi uthando eninalo luphuphume, nithandane, nithande naye wonke ubani, kanye ngale ndlela ndinithanda ngayo mna.

2024 Novemba 1, Lwesihlanu

Kaloku xa omnye ethe wawa omnye unokuphakamisa ugxa wakhe. Mawoo ke lowo uyedwa xa athe wawa! Akukho bani unokumphakamisa.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,
nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Ukukholwa ke kukuqiniseka ngezinto esinethemba lazo; kukwakukuqiniseka nangobukho bezinto esingaziboniyo.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela