2024 Disemba 31, Lwesibini
Wonke ke umntu owevayo la mazwi am, aze awenze, unokufanekiswa nendoda eyingqondi, ethe yayakhela phezu kwesiseko samatye indlu yayo.2024 Disemba 30, Mvulo
Wena unguThixo wam,ngoko ke ndifundise ukuthanda kwakho.
UMoya wakho wobubele
makandikhokelele endleleni esisithabazi!
2024 Disemba 29, Cawe
Koko masithi sonke ngabanye sikholise abamelwane bethu ezintweni ezilungileyo ezinokulukhulisa ukholo lwabo.2024 Disemba 28, Mgqibelo
Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.2024 Disemba 27, Lwesihlanu
NguNdikhoyo yedwa uThixo;nguye kuphela osikhuselayo.
2024 Disemba 26, Lwesine
Ngamana iNkosi, ekuvela kuyo yonke inzolo, ingamana inipha uxolo njalo-njalo, ngeendlela zonke. INkosi mayibe nani.2024 Disemba 25, Lwesithathu
Konke oku kwênzeka ukuze lizaliseke ilizwi leNkosi elathethwa ngumshumayeli, esithi: “Niyabona, intombi le iya kumitha, izale unyana, abizwe ngokuba nguImanuweli” (oko kukuthi “uThixo unathi”).2024 Disemba 24, Lwesibini
Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.
2024 Disemba 23, Mvulo
Isithunywa ke sathi kubo: “Musani ukoyika; kaloku ndinizisele iindaba ezimnandi zovuyo olukhulu oluya kuba kubo bonke abantu.”2024 Disemba 22, Cawe
Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.2024 Disemba 21, Mgqibelo
Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.
2024 Disemba 20, Lwesihlanu
Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.2024 Disemba 19, Lwesine
Waphendula wathi kuzo: “Lowo uneengubo ezimbini makanike ongenáyo. Nalowo unokutya makenjenjalo.”2024 Disemba 18, Lwesithathu
Onomonde ulungile kunegorha;olawula umsindo wakhe ungcono kunothimba isixeko.
2024 Disemba 17, Lwesibini
Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.2024 Disemba 16, Mvulo
Zihlobo, musani ukuziphindezela ngokwenu. Impindezelo yiyekeleni ingqumbo kaThixo, njengoko iziBhalo zitshoyo ukuthi: “Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.”2024 Disemba 15, Cawe
Izibele zakho zibalasele ezulwini;ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.
2024 Disemba 14, Mgqibelo
Inkqu yothando siyibona kule nto yokuba uKrestu anikele ubomi bakhe ngenxa yethu. Ngokunjalo ke nathi sifanele ukuba sibunikele ubomi bethu ngenxa yamawethu.2024 Disemba 13, Lwesihlanu
Ngaphezu koko ke hlalani nithandana, kuba kaloku uthando luyazingcwaba izono.2024 Disemba 12, Lwesine
Ungasiyekeli ekulingweni,koko sihlangule kumtyholi;
kuba ngenene nguwe olawulayo,
namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.
2024 Disemba 11, Lwesithathu
Yondikhusela iNkosi kulo naliphi na ilinge lokundenzakalisa. Yondikhusela ndide ndifike kulawulo lwayo ezulwini. Huntshu-u-u! Mayibongwe iNkosi ngonaphakade! Amen.2024 Disemba 10, Lwesibini
Ukuba ke uNyana uthe wanenza nakhululeka, noba ngabakhululekileyo mpela.2024 Disemba 9, Mvulo
Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?
Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,
khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.
2024 Disemba 8, Cawe
Kaloku ithi intlungu yakusetyenziswa nguThixo, izise inguquko esa ekusindisweni; akukho kuzisola ke ngoko. Kodwa intlungu yasehlabathini yona ibanga ukufa.2024 Disemba 7, Mgqibelo
Thina kaloku sanikwa lo myalelo yiNkosi:“ ‘Ndikumisele ukuba ube sisibane sokukhanyisela iintlanga,
ube yindlela yokusindiswa kwalo lonke elimiweyo.’”
2024 Disemba 6, Lwesihlanu
Obo bulumko ke buvela kuNdikhoyo uSomandla-onke;kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,
ngenene yena ubalasele ngobulumko.
2024 Disemba 5, Lwesine
KuKrestu akusekho mJuda nantlanga, akusekho khoboka namntu ukhululekileyo, ndoda nabhinqa. Ninonke ningumntu omnye ngokumanywa noYesu Krestu.2024 Disemba 4, Lwesithathu
Ndiya kuninika intliziyo entsha, ndiniphe nomoya omtsha; ndiya kuyikhupha kuni intliziyo eqaqadeke okwelitye, ndininike intliziyo yentobeko.2024 Disemba 3, Lwesibini
Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo.
2024 Disemba 2, Mvulo
Thina noMoya oyiNgcwele osisipho sikaThixo kwabo bamthobelayo, singamangqina azo ezi zinto.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...