2025 Janyuwari 31, Lwesihlanu
Ke kaloku thina sonke, sinobuso obutyhiliweyo, ubuqaqawuli beNkosi sibubona ngokungathi kusesibukweni. Ngoko ke siyaguqulwa sifane nayo ncam, sinesidima esiya sikhula. Yonke ke le nto ivela eNkosini ekwanguMoya.2025 Janyuwari 30, Lwesine
Aa, Mhlekazi Ndikhoyo, wena wasolula isandla sakho, wawenza umhlaba nesibhakabhaka ngamandla akho amakhulu! Akukho nanye into ekunqabelayo wena!2025 Janyuwari 29, Lwesithathu
Ndisindiswa nguThixo, uliwonga lam.UThixo yinqaba yam, ndizimela ngaye.
2025 Janyuwari 28, Lwesibini
Kuzo zonke izinto isiphelo sisemnyango. Ngoko ke hlalani nisezingqondweni, nikuqulele ukuthandaza.2025 Janyuwari 27, Mvulo
Nohlala nanele ukuze nikwazi ukusoloko ninezinwe, khon' ukuze uThixo abulelwe ngabantu abaninzi ngenxa yezipho zenu abazifumana kuthi.2025 Janyuwari 26, Cawe
Umntu ondwebileyo uthi akuyibona ayicezele ingozi,kanti ke yena ongaqiqiyo uphoseka kuyo enzakale.
2025 Janyuwari 25, Mgqibelo
Hlalani ngoxolo nabo bonke abantu. Yibani nyulu, kuba ngaphandle kobunyulu akukho mntu uya kuyibona iNkosi.2025 Janyuwari 24, Lwesihlanu
Mna ndingumalusi olungileyo. Umalusi olungileyo ubuncamela iigusha zakhe ubomi bakhe.2025 Janyuwari 23, Lwesine
Wena undazisa iindlela zobomi;kaloku ndizala yimincili xa ndiphambi kwakho.
Ngasekunene kwakho yimihlali yodwa kude kube ngunaphakade.
2025 Janyuwari 22, Lwesithathu
Makuqukuqele ukunyaniseka njengomlambo,nobulungisa njengomsinga ongatshiyo.
2025 Janyuwari 21, Lwesibini
Makube lubabalo noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi uYesu Krestu.2025 Janyuwari 20, Mvulo
Phofu ke ungxwelerhwe ngenxa yokukreqa kwethu;ewe, ubulewe ngenxa yobugwenxa bethu.
Ukohlwaywa kwakhe kusiphathele uxolo;
thina sinyangwe ngamanxeba akhe.
2025 Janyuwari 19, Cawe
Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.2025 Janyuwari 18, Mgqibelo
Ewe, yithobeleni imiyalelo yam; kaloku ndinguNdikhoyo.2025 Janyuwari 17, Lwesihlanu
Qinani nibe nesibindi, nonke nina nithembele ngoNdikhoyo.2025 Janyuwari 16, Lwesine
Yamkelanani ke, njengokuba naye uKrestu wasamkelayo, ukuze adunyiswe uThixo.2025 Janyuwari 15, Lwesithathu
Ngoku nisilahlileyo isimo esidala sanukuxokisana. Kaloku ngoku nambethe isimo esitsha, athe chu kuhle ukusihlaziya uThixo, ukuze sifuze yena mdali waso, nokuze nani nimazi ngokupheleleyo.2025 Janyuwari 14, Lwesibini
Iintsimbi ziyalolana;ngokunjalo ke nezihlobo ziyakhuthazana.
2025 Janyuwari 13, Mvulo
Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele.2025 Janyuwari 12, Cawe
Ngenxa yoko kothi enikuthethe ebumnyameni kuviwe ekuhleni, nenikusebeze ngasese kukhwazwe phandle.2025 Janyuwari 11, Mgqibelo
Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.
2025 Janyuwari 10, Lwesihlanu
Umntu omfumeneyo uNyana, ubufumene ubomi; kanti ke yena ongekamfumani uNyana kaThixo, akanabo ubomi.2025 Janyuwari 9, Lwesine
Ke kaloku uThixo wasibona isenzo sabo nokwahlukana kwabo neendlela zabo ezimbi. Ngoko ke uThixo wayijika ingqondo yakhe, akabi sabatshabalalisa njengoko wayezimisele.2025 Janyuwari 8, Lwesithathu
YiNgxondorha emsebenz' ufezekileyo;iindlela zakhe bubulungisa bodwa;
uThixo othembekileyo enyanisekile,
yena lilungisa elingenakumbi.
2025 Janyuwari 7, Lwesibini
Ukuba ngoko nina, nikhohlakele nje, niyakwazi ukubapha abantwana benu izipho ezilungileyo, wobeka phi yena uYihlo osezulwini ukugqithisela ukubapha uMoya oyiNgcwele abo bamcelayo?2025 Janyuwari 6, Mvulo
Khangela, mna ndinguNdikhoyo, uThixo woluntu luphela. Akukho nanye into enokundinqabela.2025 Janyuwari 5, Cawe
Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.
2025 Janyuwari 4, Mgqibelo
Ke ngoko, nyana wam, yomelela ngenxa yesisa sikaThixo esisifumana ngokumanywa noKrestu Yesu.2025 Janyuwari 3, Lwesihlanu
Wathi kubo: “Othe wamamkela lo mntwana egameni lam, wamkela mna; nothe wamkela mna, wamkela lowo undithumileyo; kuba oyena mncinane phakathi kwenu nonke, ngoyena mkhulu.”2025 Janyuwari 2, Lwesine
Kaloku nguNdikhoyo onika ubulumko;luphuma emlonyeni wakhe ulwazi nokuqonda.
2025 Janyuwari 1, Lwesithathu
Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...