DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2025)

2025 Februwari 28, Lwesihlanu

UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2025 Februwari 27, Lwesine

Lowo woyisileyo wovatha ezimhlophe. Andisoze ndilicime igama lakhe kuludwe lwamagama abo baphilayo. Kaloku ndiya kumvuma ukuba ungowam phambi kukaBawo nezithunywa zakhe.

2025 Februwari 26, Lwesithathu

Ezo ntshinga zoba sisikhumbuzo, nize nithi maxa onke nizibona zitsho nikhumbule imiyalelo kaNdikhoyo niyithobele, khon' ukuze ningahendeki nibhaduliswe ziinkanuko zenu.

2025 Februwari 25, Lwesibini

Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;
kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.

2025 Februwari 24, Mvulo

Ke ukunyamekela izinto zesimo esonakeleyo kusa ekufeni, kanti ke ukunyamekela ezoMoya kusa ebomini naseluxolweni.

2025 Februwari 23, Cawe

Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.

2025 Februwari 22, Mgqibelo

Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye.

2025 Februwari 21, Lwesihlanu

Yibani moya mnye. Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba. Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.

2025 Februwari 20, Lwesine

Zivavanyeni niziqonde ukuba ningamakholwa ngenene na. Khanizicikide. Ngokuqinisekileyo niyaqonda ukuba uYesu Krestu ukho kuni – ngaphandle kokuba ngaba noyisakele.

2025 Februwari 19, Lwesithathu

Amazwi amyoli nqwa nobusi;
ayanandipheka emphefumlweni, ephilisa emathanjeni.

2025 Februwari 18, Lwesibini

Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko.

2025 Februwari 17, Mvulo

Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.

2025 Februwari 16, Cawe

Uthetha ngelizwi athi:
“Phezani, ndim uThixo.
Ndizivelele izizwe;
nehlabathi ndilikrobele.”

2025 Februwari 15, Mgqibelo

Umqondiso walo mnqophiso endikwenzela wona kunye nazo zonke izinto eziphilayo, ngumnyama oya kubakho esibhakabhakeni. Nguwo lowo umqondiso womnqophiso ongasoze ujike endiwenzela abantu nalo lonke elimiweyo.

2025 Februwari 14, Lwesihlanu

Ndithi: kuni makongame inceba, uxolo, nothando.

2025 Februwari 13, Lwesine

Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!
Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

2025 Februwari 12, Lwesithathu

Lowo woyisileyo uya kuba nenxaxheba ebhotwe. Kaloku nam ndoyisa ndaza ndafumana inxaxheba yokungqendeva noBawo ebhotwe.

2025 Februwari 11, Lwesibini

Ngaphezu koko, siqhayisa nangeembandezelo ezi, sisazi nje ukuba iimbandezelo zisiqhelisa ukunyamezela. Ke ukunyamezela kubonisa ukuba sicikidekile. Ukucikideka ke kudala ithemba.

2025 Februwari 10, Mvulo

Xa ndandinxubile, ndixhalabile,
wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

2025 Februwari 9, Cawe

Ngenxa yoko musani ukulixhalela ingomso. Ingomso liya kuxhalela okwalo. Ziyanele imini nganye iingxaki zayo.

2025 Februwari 8, Mgqibelo

Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.

2025 Februwari 7, Lwesihlanu

Kusenokwenzeka ukuba ubutyebi bomntu bube yintlawulo yobomi bakhe;
kanti ke lona ihlwempu alazani nokugrogriswa.

2025 Februwari 6, Lwesine

Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.

2025 Februwari 5, Lwesithathu

Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.

2025 Februwari 4, Lwesibini

Khanilungiselele abaxakekileyo neenkedama,
nibonelele iintsizana namahlwempu.

2025 Februwari 3, Mvulo

Niyityiwa yehlabathi nina. Ke ukuba ityiwa ithe yaphelelwa sisongo, yothiwani na ukubuyiselwa isongo sayo? Ayisenamsebenzi; kuphela kukuba ilahlwe phandle, inyathelwe ngabantu.

2025 Februwari 2, Cawe

Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.

2025 Februwari 1, Mgqibelo

Umfanekiso womntu emanzini ubonakalisa inkangeleko yakhe;
ngokunjalo nentliziyo yomntu ibonakalisa into ayiyo.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela