2025 Matshi 31, Mvulo
Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.2025 Matshi 30, Cawe
UNdikhoyo ngumqolomba:bazimela kuye abalungisayo, basinde.
2025 Matshi 29, Mgqibelo
Utsho ke uNdikhoyo kwindlu kaSirayeli ukuthi:“Quqelani kum, niphile.”
2025 Matshi 28, Lwesihlanu
Eyivile ke le nto uYesu, uphendule wathi: “Sukoyika; kholwa nje wena. Yophiliswa.”2025 Matshi 27, Lwesine
Ngoko ke, nokuba ndihamba kwiingxondorha ezimnyama,andinadyudyu.
Kaloku ungakum, wena Ndikhoyo;
isagweba sakho nebhunguza lakho lixhadi lam.
2025 Matshi 26, Lwesithathu
Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo.2025 Matshi 25, Lwesibini
Wathi kuyo uYesu: “Hamba uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”Yabona ke kwangoko, yamlandela uYesu endleleni apho.
2025 Matshi 24, Mvulo
Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.
2025 Matshi 23, Cawe
Uyabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza. Ukuba umntu uyeva aze avule, ndiya kungena ndihlale naye, sitye kunye.2025 Matshi 22, Mgqibelo
Waphendula yena wathi: “IziBhalo zithi: ‘Umntu akaphili ngasonka sodwa; uphila ngamazwi onke athethwa nguThixo.’”2025 Matshi 21, Lwesihlanu
Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;yena ke wokwenzelelela.
Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,
kucace mhlophe ukulunga kwakho.
2025 Matshi 20, Lwesine
Ngoko ke yithobeleni imiyalelo kaNdikhoyo uThixo wenu, nihambe ngeendlela zakhe, nimhlonele.2025 Matshi 19, Lwesithathu
Kaloku zonke izinto ziphuma kuyo iNkosi, zikho ngayo, zikholo yona. Mayidunyiswe ke iNkosi kude kube ngunaphakade! Amen.2025 Matshi 18, Lwesibini
Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.
Xa ulohlwaya ihlabathi
abemi balo bafunda ngobulungisa.
2025 Matshi 17, Mvulo
Ithemba ke lona alidanisi, kuba uthando lukaThixo luthululelwe ezintliziyweni zethu ngoMoya oyiNgcwele esamnikwayo.2025 Matshi 16, Cawe
Ngoko ke nathi ngokwethu siyalwazi, saye sikholosa ngalo uthando aluthululele kuthi uThixo.UThixo uluthando, yaye nabani na ohlala eluthandweni uhlala emanyene noThixo, noThixo uhlala emanyene naye.
2025 Matshi 15, Mgqibelo
Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye.
2025 Matshi 14, Lwesihlanu
Ndiya kubenzela inceba kwizikreqo zabo,ndingabi sazikhumbula iziphoso zabo.
2025 Matshi 13, Lwesine
Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.2025 Matshi 12, Lwesithathu
Ndikholosa ngawe usemazulwini;ungowam nje ke, andilinanze nganto ihlabathi.
2025 Matshi 11, Lwesibini
Ndibhala nje ndifuna niqonde, nina nikholwayo kwigama loNyana kaThixo, ukuba ninobomi obungenasiphelo.2025 Matshi 10, Mvulo
Siyazi kaloku ukuba xa ithe yachithwa le ndlu yalapha emhlabeni, sinesakhiwo asilungiselele sona uThixo, esisezulwini, esiya kuhlala sihleli.2025 Matshi 9, Cawe
Kambe ke, unguTata, wena Ndikhoyo.Ke thina siludongwe;
wena ke ungumbumbi,
thina singumsebenzi wezandla zakho.
2025 Matshi 8, Mgqibelo
Ngoku ke usalindele ntoni? Vuka, ubhaptizwe, zixolelwe izono zakho ngokubiza igama lakhe.2025 Matshi 7, Lwesihlanu
Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.2025 Matshi 6, Lwesine
Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;ndifundise iindlela zakho.
2025 Matshi 5, Lwesithathu
Ke ngoko velisani iziqhamo ezifanele inguquko.2025 Matshi 4, Lwesibini
UPawulos wabachazela wathi: “Ubhaptizo lukaYohane lona lwalusalatha inguquko. Yena wayebaxelela abantu ukuba bazinikele kulowo wayesiza emva kwakhe; nguYesu ke lowo.”2025 Matshi 3, Mvulo
Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba,sipheth' iindaba ezimnandi,
sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile!
Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!”
Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi:
“UThixo wakho uyalawula.”
2025 Matshi 2, Cawe
Musani ukoyika, mhlambi omncinane, kuba kukholekile kuYihlo ukunamkelela kulawulo lwakhe olutsha.2025 Matshi 1, Mgqibelo
Nina nilukhanyiso lwehlabathi. Umzi omi phezu kwentaba awunakufihlakala.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Kaloku bonke bonile; bayalabalaba kubuqaqawuli ababulungiselelwe nguThixo. Kanti ke uThixo uyabababala abantu; ubenzela isisa: nangona bengafanelanga ubagwebela ngaye uYesu Krestu obakhululayo.Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Kambe ke bona abakholosa ngoNdikhoyobosuka bahlaziyeke bomelele.
Bosuka bantinge baxel' ukhozi;
noba sebebaleka, soze badinwe;
ewe, baya kuhamba bangaze batyhafe.Ivesi elandelayo!