2025 Epreli 24, Lwesine
Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.2025 Epreli 23, Lwesithathu
Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa.2025 Epreli 22, Lwesibini
Umhlobo unothando ngamaxesha onke;ke yena umntakwenu uzalelwe ukuba nawe kwiimbandezelo.
2025 Epreli 21, Mvulo
Kaloku siyakholwa ukuba uYesu wafa, wabuya wavuka. Ngokukwanjalo ke nâbo bafe bemanywe noYesu uThixo uya kubabuyisa kunye noYesu.2025 Epreli 20, Cawe
Yathi ke yona kubo: “Musani ukumangaliseka. Nifuna uYesu umNazarete, owayebethelelwe emnqamlezweni. Uvukile; akakho apha. Nantsi indawo abebembeke kuyo.”2025 Epreli 19, Mgqibelo
Imihla yam isesandleni sakho;ndihlangule ezintshabeni zam nakwabanditshutshisayo.
2025 Epreli 18, Lwesihlanu
Wadanduluka ke uYesu ngezwi elikhulu, wathi: “Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam!” Akuba etshilo, waphuma umphefumlo.2025 Epreli 17, Lwesine
“Kaloku ingcinga zam azifani nezenu,neendlela zenu azifani nezam,”
utsho yena uNdikhoyo!
2025 Epreli 16, Lwesithathu
Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?2025 Epreli 15, Lwesibini
Wathi kuye uYesu: “Oo, uthi: ‘Ukuba ndinako;’ – zonke izinto zinokwenzeka kokholwayo.”2025 Epreli 14, Mvulo
Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.
2025 Epreli 13, Cawe
Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.2025 Epreli 12, Mgqibelo
Ewe, kaloku nguye idini elicamagushela izono zethu. Phofu akacamagusheli ezethu kuphela, koko ucamagushela ezehlabathi liphela.2025 Epreli 11, Lwesihlanu
Kungenxa yezibele zikaNdikhoyo singatshabalalanga nje,kuba inceba yakhe ayinasiphelo.
Zihlala zintsha imihla ngemihla;
kukhulu ukuthembeka kwakhe.
2025 Epreli 10, Lwesine
UThixo ubavuza ngobomi obungonaphakade abo banomonde ekwenzeni imisebenzi emihle, belangazelela isidima newonga nokungafi.2025 Epreli 9, Lwesithathu
INkosi le ke nguMoya. Apho ke ukhona uMoya weNkosi kubakho inkululeko.2025 Epreli 8, Lwesibini
UNdikhoyo ukufuphi kwabo babhenela kuye,kwabo bamfuna benyanisekile.
2025 Epreli 7, Mvulo
Kaloku omphikayo uNyana uyamphika kwanoYise; ukanti ke omamkelayo uNyana umamkele noYise.2025 Epreli 6, Cawe
Uthembekile uThixo, yena wanibizayo ukuba nibe nobudlelane noNyana wakhe uYesu Krestu iNkosi yethu.2025 Epreli 5, Mgqibelo
Umntu uyalucwangcwisa uhambo lwakhe,kodwa nguNdikhoyo olawula ukunyathela kwakhe.
2025 Epreli 4, Lwesihlanu
Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.2025 Epreli 3, Lwesine
Kanene yintoni na emntwini ebaziyo ubume bomntu, ingenguwo umoya womntu ongaphakathi kwakhe? Ngokunjalo nobume bukaThixo akukho namnye ubaziyo, ingenguye uMoya kaThixo.2025 Epreli 2, Lwesithathu
Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,uyaziva zonke iincwina zam.
2025 Epreli 1, Lwesibini
Nina, mawethu, nibizelwe enkululekweni. Kodwa ke inkululeko yenu mayingabi lokroba lokuba nilawulwe sisimo esidala. Ndaweni yaloo nto khonzanani niqhutywa luthando.Izihloko ezinxulumeneyo
Uthando
Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando...
Ithemba
“Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso...
Ukholo
Ngenxa yoko ndithi kuni...
Usapho
Le miyalelo ndikunika yona...
Unqulo
Ndikhoyo, wena unguThixo wam...
Umthandazo
Vuyani maxa onke, nithandaze...