DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Ubulungisa (4/5)

  • Ewe kambe, singawo amaJuda emveli, asizizo iintlanga ezingaboni, ngabula nina. Kodwa siyazi ukuba umntu akenziwa abe lilungisa nguThixo ngenxa yokuba esenza okufunwa ngumthetho kaMosis; kuphela kungokuzinikela kuYesu Krestu. Ke nathi samvuma uKrestu uYesu ukuze uThixo asenze amalungisa ngenxa yokuzinikela kwethu kuye, ingekuba senza okufunwa ngumthetho. Kaloku akukho bani wenziwa ilungisa nguThixo ngenxa yokubambelela kwakhe emthethweni.
  • Ebusuku umphefumlo wam ulangazelela wena;
    kusasa umoya wam uyazula ufuna wena.
    Xa ulohlwaya ihlabathi
    abemi balo bafunda ngobulungisa.
  • Kaloku akukho mntu uya kuba lilungisa kuThixo ngakugcina kwakhe umthetho; into eyenziwa ngumthetho kukwazisa abantu ngesono.
  • Kananjalo imizimba yenu musani ukuyinikela esonweni, nize none ngamalungu ayo; koko zinikeleni nina ziqu kuThixo, ningabaphila bevuke ekufeni nje. Ngenxa yoko ke wanikeleni kuThixo amalungu emizimba yenu, ukuze nenze okulungileyo ngawo.
  • Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,
    kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.
  • Andifekethi ngesisa sikaThixo; kuba, ukuba umntu ebenokuba lilungisa phambi koThixo ngenxa yokugcina umthetho, loo nto ibiya kuthetha ukuba wafumana wafa uKrestu.
  • Ke uThixo obonelela umhlwayeli ngembewu nangesonka, uya kunibonelela nani ngembewu eniyisweleyo, ayikhulise inivelisele isivuno esihle ngokobubele benu.
  • Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
    sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.
  • Buyelani engqondweni nahlukane nezono. Abazani noThixo abanye benu. Loo nto ndiyithetha ukuze nidane.
  • Mna ngokwam ndikufundisile ubulumko,
    ndakukhokelela endleleni ethe ngqo.
  • Umntu owenza isono waphula umthetho kaThixo. Isono kaloku kukwaphula umthetho.
  • Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;
    ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.
  • Uyabona, lowo ukhukhumeleyo unentliziyo embi enxaxhileyo;
    ke yena olilungisa wophila ngokuthembeka kwakhe.
  • Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;
    ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.
    Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;
    indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.
  • Wasisindisa. Kwakungengakuba senze misebenzi mihle, kodwa kwakungenxa yenceba yakhe. Wasihlamba ngoMoya oyiNgcwele, wasizala ngokutsha, saza safumana ubomi obutsha.
  • Izikrelemnqa ziboleka zingabuyisi,
    ke lona ilungisa lipha ngesisa.
  • Makathi ntshoo phambili amehlo akho,
    neenkophe zamehlo akho zithi ngqo.
  • Ndizabalazile elugqatsweni olukhulu; ngoku ndifikile entanjeni; ke lona ukholo ndilugcinile. Ngoku ke sendilindelwe yimbasa, isithsaba esibonakalisa ubulungisa, eya kundithwesa sona ngaloo Mini inkulu iNkosi, uMgwebi ogweba engenaxanasi. Phofu ke asindim ndedwa olindelwe seso sithsaba, koko ngabo bonke abayithandayo iNkosi eza kufika.
  • Ngoko ke mna Nebhukadenezare ndiyambonga ndimdumisa ndimzukisa uKumkani osezulwini. Kaloku konke akwenzayo kulungile, nezenzo zakhe zifanelekile. Ke bona abanekratshi yena uyabathoba.
  • Uhlala eyalusa indlela yamalungisa,
    aze abakhusele kwihambo yabo âbo banyanisekileyo kuye.
  • Andikholiswa kukufa kwakhe nabani na, itsho iNkosi uNdikhoyo. Guqukani, nidle ubomi!
  • Naphakathi kwengqeqesho yakho, Ndikhoyo,
    sihlala sijonge kuwe;
    umnqweno neqhayiya lethu nguwe.
  • NguThixo kuphela umniki-mthetho nomgwebi. Nguye kuphela onelungelo lokusindisa okanye atshabalalise. Kuxa ungubani ke wena ude ugwebe ummelwana wakho nje?
  • Umntu okhohlakeleyo makahlukane nobubi,
    netshijolo maliyeke ukuyila ubutshijolo.
    Maliguquke, lize kuNdikhoyo;
    yena wosuka abe novelwano lilo.
    Malize kuThixo wethu,
    kuba yena uxolela kangangoko.
  • UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,
    umphakamisi wâbo bawileyo.
    UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.

Ithemba lelungisa liza novuyo;
ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.
Funda ngokugqithisileyo...

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ndizolulela kuwe izandla zam;
ndikunxanele njengomhlaba owomileyo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela