DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Februwari 2019)

2019 Februwari 28, Lwesine

Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.

2019 Februwari 27, Lwesithathu

Zonke izinto ke enifuna ukuba abantu bazenze kuni, yenzani ezikwanjalo nani kubo. Yiyo leyo ke intsingiselo yomthetho kaMosis nomyalelo wabashumayeli bamandulo.

2019 Februwari 26, Lwesibini

Khumbulani le nto, zihlobo zam: Wonke ubani makakhawuleze ukuva; kodwa makangakhawulezi ukuthetha, angakhawulezi nokucaphuka.

2019 Februwari 25, Mvulo

Ndikhokelele enyanisweni yakho, undifundise.
Kaloku nguwe, Thixo, umkhululi wam;
ndihleli ndikulindele imini yonke.

2019 Februwari 24, Cawe

Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide.

2019 Februwari 23, Mgqibelo

Nguye owasisindisayo wasibiza ukuba sibe ngabanyuliweyo, kungengamisebenzi yethu, kodwa ngenxa yenjongo nobubele bakhe. Wasenzela obu bubele ngoKrestu Yesu kwantlandlolo.

2019 Februwari 21, Lwesine

Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

2019 Februwari 20, Lwesithathu

Kum uxabisekile ke kambe;
yeka elo wonga, andikuthandi ngako!
Ndincam' izizwe ngenxa yakho;
ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.

2019 Februwari 19, Lwesibini

NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo.

2019 Februwari 18, Mvulo

Le miyalelo ndikunika yona namhlanje mayilawule bonke ubomi bakho. Uze uyibethelele ekufundiseni abantwana bakho, uthethe ngayo xa usekhaya, kanti noba useluhambeni, naxa ulalayo, ngokunjalo naxa uvukayo.

2019 Februwari 17, Cawe

Wanga ke uThixo, umthombo wethemba, angáthi ngokukholwa kwenu anivuyise kakhulu, aniphe uxolo, ukuze ithemba lenu liye lisanda ngokwanda ngamandla oMoya oyiNgcwele.

2019 Februwari 16, Mgqibelo

Ngoko ke ndiya kulandelwa kokulungileyo nabububele,
umzi wakho ube likhaya lam yonke imihla yobomi bam.

2019 Februwari 15, Lwesihlanu

Ubani unokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum.” Ewe, kunjalo, kodwa azikulungelanga zonke. Nam bendinokuthi: “Zonke izinto zivumelekile kum;” kodwa ngekhe ndinikezele ukuze ndilawulwe nayiyiphi na into.

2019 Februwari 14, Lwesine

Kaloku umthetho xa uwonke ushwankathelwa ngomyalelo omnye othi: “Mthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.”

2019 Februwari 13, Lwesithathu

Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;
ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.

2019 Februwari 12, Lwesibini

Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.

2019 Februwari 11, Mvulo

Khala kum, ndikuphendule, ndikwazise izinto ezinkulu ezingenakugocagocwa, obukade ungaziqondi.

2019 Februwari 10, Cawe

Nkosi yam, uyawazi umnqweno wam,
uyaziva zonke iincwina zam.

2019 Februwari 9, Mgqibelo

Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.

2019 Februwari 8, Lwesihlanu

Kananjalo nabani na othe wabiza igama leNkosi uya kusindiswa.

2019 Februwari 7, Lwesine

Ubulumko ngoyena ndoqo, bufunisise!
Fumana ingqiqo, nokuba kudle konke onako.

2019 Februwari 6, Lwesithathu

Musani ukusunduzana. Izinto sanukuzenza ngokuzigwagwisa nangokuqhayisa. Ndaweni yaloo nto zithobeni, nibaphakamise kunani abanye abantu.

2019 Februwari 5, Lwesibini

Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna.

2019 Februwari 4, Mvulo

Andithi kaloku uyamanelisa onxaniweyo,
aze amhluthise ngokulunga olambileyo!

2019 Februwari 3, Cawe

Wanithoba eniyekela ngendlela, waza kananjalo wanipha imana, kutya oko naningakwazi, nina ngokunjalo nooyihlo-mkhulu. Le nto ke wayenza kuba efuna niqonde nazi ukuba ubomi bomntu abuxhomekanga kutyeni kuphela, koko buxhomekeke kuwo onke amazwi kaNdikhoyo.

2019 Februwari 2, Mgqibelo

Yonke into enimelwe kukuyenza yenzeni ngaphandle kokukhalaza nokuxambulisana, niziphathe nyulu ningenagxeke, njengosapho lukaThixo olungabekwa bala phakathi kwabantu abakhohlakeleyo beli phakade. Khanyani phakathi kwabo njengeenkwenkwezi zikhanya esibhakabhakeni, nibanika iindaba zobomi.

2019 Februwari 1, Lwesihlanu

Ndizimela ngaye, nguye ondisindisayo.
Yinqaba yam, soze ndichukunyiswe.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Balumkeleni abashumayeli abaxokayo, abo beza kuni bezifanisa neegusha, kanti ngaphakathi baziingcuka eziqwengayo.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Mfo wam, yithobele imimiselo oyinikwa nguyihlo,
ungazityesheli neziluleko zikanyoko.
Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela