DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

Gcina (Janyuwari 2019)

2019 Janyuwari 31, Lwesine

Banoyolo abo basezintsizini, kuba baya konwatyiswa nguThixo bona!

2019 Janyuwari 30, Lwesithathu

Kodwa ke loo mntu makacele ekholwa, engathandabuzi konke. Kaloku umntu othandabuzayo ufana namaza alatyuziswa ngumoya elwandle.

2019 Janyuwari 29, Lwesibini

Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.

2019 Janyuwari 28, Mvulo

Ewe, uNdikhoyo ulungile:
ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;
ubakhathalele abo bathembele kuye.

2019 Janyuwari 27, Cawe

UYesu wahlala phantsi, wababiza abafundi abalishumi elinambini, wathi kubo: “Ukuba ubani ufuna ukuba ngoyena mkhulu, makazenze oyena mncinci kubo bonke, abe sisicaka sabo bonke.”

2019 Janyuwari 26, Mgqibelo

Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,
kunokuba uthembele ngomntu.

2019 Janyuwari 25, Lwesihlanu

Kodwa uNdikhoyo wathi kuSamweli: “Musa ukujonga ubunzwana bakhe nesithomo sakhe. Asinguye endimfunayo. Kaloku mna Ndikhoyo andijongi okujongwa ngabantu. Abantu bakhangela umfaneleko; mna Ndikhoyo ndikhangela ngaphakathi entliziyweni.”

2019 Janyuwari 24, Lwesine

Sinalo ke uthando kuba thina sathandwa nguThixo kuqala.

2019 Janyuwari 23, Lwesithathu

Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;
ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.

2019 Janyuwari 22, Lwesibini

Ngenxa yaloo nto ke kufuneka nenze unako-nako ukongezelela ukholo ngesidima, nesidima ngengqiqo, ingqiqo ngokuzeyisa, nokuzeyisa ngonyamezelo, unyamezelo ngembeko, nembeko ngokuhlobana, nokuhlobana ngokuthanda abantu bonke.

2019 Janyuwari 21, Mvulo

Ukuba ke uthe wanqula mna Ndikhoyo uThixo wakho, ndiya kukuthamsanqela ngokutya namanzi, ndikutshayele ukufa kungabikho phakathi kwenu.

2019 Janyuwari 20, Cawe

Abathobela umyalelo wakho bahlala banelisekile;
kaloku akukho nto ingabaphazamisayo.

2019 Janyuwari 19, Mgqibelo

Kwinto yonke yibani ngcwele. Kaloku uThixo onibizileyo ungcwele.
Kanti ke neziBhalo zitsho ukuthi: “Yibani ngcwele, ngokuba mna ndingcwele.”

2019 Janyuwari 18, Lwesihlanu

Ndikhoyo, wena unguThixo wam;
ndosuka ndikuthuthe ndikudumise.
Kuthi mandikutyibele ndibongisele
ngenxa yemisebenzi yakho ekhamnqisayo;
kaloku ngokuthembeka okukhulu
wena zonke uzifezekisile –
nditsho izicwangciso zakho zamandulo.

2019 Janyuwari 17, Lwesine

Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;
kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.

2019 Janyuwari 16, Lwesithathu

Musani ukulithanda ihlabathi, nezinto zalo ngokunjalo. Nabani na olithandayo eli hlabathi akazani nothando lukaThixo.

2019 Janyuwari 15, Lwesibini

Lowo usisicaka sam makandilandele, abe kunye nam apho ndikhoyo. Osisicaka sam ke uya kunikwa imbeko nguBawo.

2019 Janyuwari 14, Mvulo

Mandikubonge ngomxhelo wam wonke, Ndikhoyo,
ndibalise ngayo yonke imimangaliso oyenzileyo.

2019 Janyuwari 13, Cawe

Makungabikho bani ufuna ukulungelwa yedwa; elowo makakhathalele nokwabanye.

2019 Janyuwari 12, Mgqibelo

Kuye uKumkani ongunaphakade, yena ongagugiyo, ongabonwayo, uThixo yedwa – kuye makubekho isidima nobungangamela kude kube ngunaphakade kanaphakade! Amen.

2019 Janyuwari 11, Lwesihlanu

Ukumthobela uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

2019 Janyuwari 10, Lwesine

Ewe, ezi mbandezelo zexeshana, zincinane zinjalo, zisilungiselela iwonga laphakade, elingenakulinganiswa nazo.

2019 Janyuwari 9, Lwesithathu

Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?”

2019 Janyuwari 8, Lwesibini

Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,
kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo.

2019 Janyuwari 7, Mvulo

Uthando lunomonde, lunobubele. Uthando alunamona, alugwagwisi, lungakhukhumali. Uthando alugezi, alufuni okukokwalo, alunachuku, alunanzondo.

2019 Janyuwari 6, Cawe

Yonke imimiselo nemiyalelo yakhe endininike yona namhlanje yithobeleni, khon' ukuze liqaqambe ikamva lenu nezizukulwana zenu. Ngaloo ndlela ke niya kuma ngonaphakade kweli lizwe aniphe lona uNdikhoyo uThixo wenu.

2019 Janyuwari 5, Mgqibelo

UNdikhoyo unenceba nesisa;
uqumba kade, yimvuze-mvuze enobubele.

2019 Janyuwari 4, Lwesihlanu

Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.

2019 Janyuwari 3, Lwesine

Ninoyolo nina xa bathe abantu baningcikiva ngenxa yam, benitshutshisa, bethetha zonke izinto ezikhohlakeleyo ngani bexoka.

2019 Janyuwari 2, Lwesithathu

Impendulo ethambileyo iyawuthibaza umsindo,
kanti ke wona amazwi akrwempayo ahlobisa igazi.

2019 Janyuwari 1, Lwesibini

Ziphicotheni zonke izinto, nize ninyamekele leyo ilungileyo. Nayiphi na into embi yityesheleni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela